Izinto ziyaguquka kwiChiefs kancinci kancinci, utsho uNasreddine Nabi

Amakhosi awiswe yiPirates emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eFNB Stadium ngempelaveki egqithileyo. Umfanekiso: Yanga Nothanga/Maya Images

Nangona umqeqeshi weKaizer Chiefs imkhwinisa indlela elibethwe ngayo iqela lakhe – kodwa uthe unezinto azikhethayo noko azifumene emdlalweni. Abalandeli beChiefs bagoduke iintliziyo zibuhlungu emva kokuguqiswa phantsi ngomzuzu wokugqibela ngegowuli elifakwe nguPatrick Maswanganyi ngepenelaveki.

Impazamo eyenziwe nguNjabulo Blom, obambe uMofokeng emhlabeni kanozinti, inike i’Orlando Pirates impumelelo ka’1-0 emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eFNB Stadium emalanga ngoMgqibelo odlulileyo. UNasreddine Nabi uthe indlela abadlale ngayo abadlali ibonisile ukuba kukho inkqubela eyenzekileyo.

“Iyandichulumancisa inkqubela eyenzekileyo. Akusafani nakwisizini egqithileyo,” utshilo umqeqeshi emva komdlalo ngempelaveki. Amakhosi adlale kakuhle emdlalweni. Ukuba ebekwazile ukusebenzisa amathuba, ngegowduke namanqaku amathathu emdlalweni wayizolo.

“Ukungabikho kweefolosi ezifana noDu Preez, uWandile Duba noTashreeq Morris kubonakele kakhulu. Indlela abadlale ngayo abadlali intle kakhulu ngoba abadlali bethu basondela kwindlela esifuna badlale ngayo. Yona indlela abadlala ngayo abadlali iguqukile.

Kulindeleke ukuba izinto zibe ngcono ngakumbi emdlalweni olandelayo xa sinoDu Preez, uDuba noMorris abangekhoyo. Umdlali ofana noDu Preez unembali emidlalweni efana nalo wanamhlanje,” utshilo uNabi oqeqesha iqela elisokoliswa kakhulu kukonzakala kwabadlali kule sizini eqhubekayo.

Nangona lingaphumelelanga ilinge leChiefs lokufumana amanqaku amathathu – kodwa abadlali abatsha abafana noThabo Cele noLilepo Glody banike abalandeli ithemba lokuhle emidlalweni ezayo emva kokudlala kakuhle kwimizuzu embalwa kowona mdlalo omkhulu ebholeni yaseMzantsi Afrika.

Amakhosi aza kuzama ukulungisa izinto enkampini yawo ngokukhawuleza ukuze adibane naMaZulu emdlalweni ongomso sele elibele ngokwenzeke emdlalweno obungempelaveki. Emva koko aza kudibana neStellenbosch neSuperSport United.