Izinto ziyihambele kakuhle iWSU kwisizini ka’2016/17

Nangona iWalter Sisulu University iphethe isizini ka’2016/17 ikwindawo yesibhozo kwi-ABC Motsepe League – kodwa oyintloko yezemidlalo kule Yunivesithi, uBanzi Siyongwana, uthi wanelisekile yindawo abayifumeneyo.

USiyongwana uthi bebenesicwangciso sokuphetha isizini bephakathi kwamaqela amahlanu aphambili nangona kungenzekanga oko. “Ngethuba sifika kulo mngangatho kunyaka ophelileyo, sasizixelele ukuba sifuna ukuzibona siphambili – kodwa kuye kwabonakala ukuba sidibene namakhwenkwe amakhulu”, utshilo uSiyongwana.

Yayiqala kakuhle isizini iWSU kunyaka ophelileyo ngokubetha amaqela afana neLion City neTornado FC – kodwa yabethwa ekuhambeni kwexesha.“Sabethwa kwimidlalo esixhenxe ilandelelana, lo nto yasinyanzela ukuba uMoses Khenyeze asincede kwicala lokuqeqesha,” utshilo uSiyongwana.

UBra’Ace uthi uMoses “Skhephe” Khenyeze wancoma efika emva kokubukela umdlalo owawuphakathi kwabo neYoung Ideas.

Ngokwenene uSkhephe ukwazile ukwenza yonke into ebangele abafundi baphethe isizini bekwindawo yesbihozo beshiywa ngamanqaku asibhozo yiTornado FC efince isizini ihleli kwindawo yesihlanu kuluhlu lwamaqela eMotsepe League. Kodwa kwinto yonke anokuyibalisa uBra Ace ngale sizini, yeyokuba babethakele kakhulu ezipokothweni zabo ngenxa yokuba bengenabo abaxhasi. Uthi wazama kangangoko ukucela inkxaso koosomashishini baseMnquma kodwa zange kubekho obancedayo nangona iqela ilelapha eGcuwa.

IYunivesithi uthi ayinamali eyibekele bucala ukuxhasa bona – nto leyo eyenza kubenzima xa bedlala imidlalo yasekuhambeni, kuba kufuneka betyile babhatale neendawo zokulala. Kangokuba uthi angavuya kakhulu ukuba kungako usomashishini onokuba nemfesane, abaxhase kwisizini ezayo ukuze iGcuwa ihlale ineqela elidlala kwiMotsepe League.