Iqela lesizwe loMzantsi Afrika lombhoxo, Amabhoko-bhoko, liyantywizisa emva kokuphulukana nomdlalo walo okokuqala phantsi komqeqeshi omtsha, u-Allister Coetzee, izolo eSalta kwilizwe lase-Argentina.
Amabhoko-bhoko ebethwe ngo’26-24 yi-Argentina eyaziwa ngokuba ziiPumas ngabalandeli bayo kumdlalo obubambene kakhulu kwisiqingatha sokuqala.
Impumelelo yeePumas iqinisekiswe nguSantiago Gonzalez Iglesias ofake ipenela emva kokungena njengelalela emdlalweni.
Omabini la mazwe alele emgceni izihlandlo ezibini [icala ngalinye] phambi kokutshintshwa kwamacala – kodwa iiPumas bezihamba phambili ngo’13-3.
Lo ngumdlalo wesibini ophunyelelwe yi-Argentina kwimidlalo engamashumi amabini anesine eyidlale naMabhoko-bhoko.
Yimpumelelo yeePumas yesithathu le kwimidlalo yeChampionship ukusukela ngo’2015.
Umdlali wasephikweni woMzantsi Afrika, uBryan Habana, ulele emgceni ityeli lamashumi amathandathu anesihlanu (65) kwimbali yakhe yombhoxo kwiqela lesizwe izolo.
IPirates ibhale iincwadi zembali ngokutsha eMoses Mabhida Stadium!