Iziqwayi zeChippa United zithathwe yiOrlando Pirates

Abaphathi bamaqela adlala kwiPremier Soccer League bamanxadanxada ngoba lixesha lokukhangela abadlali abatsha phambi kokuvulwa kwesizini entsha.

Nakubeni iphantse yasengxakini kwisizini egqithileyo – kodwa kubonakala ngathi iChippa United ayizimiselanga kubambelela kubadlali bayo abaphambili.

Kwiveki ephelileyo, ikhasi lomnatha lethu lezemidlalo, i-IOL Sport, lidize iindaba ezithi iOrlando Pirates izimisele ukuthatha iziqwayi zabadlali beChippa abathathu bonke ngaxeshanye.

Abo badlali baquka isiquququ somdlalisiswini uAbel Mabaso, inxele elidlala emva uPaseka Mako noLinda Mtambo odlala njengefolosi emva kokutyikitywa yiChippa ekuqaleni kwalo nyaka.Umphathi weChippa United, uLukhanyo Mzinzi, uzingqinile iingxelo ezingokuhamba kwabadlali bobathathu kwincoko ayenze kwinkqubo yesikhululo sosasazo Umhlobo Wenene FM kutshanje.

UMako ube lixhadi leChippa iisizini ezimbini zonke phantsi kwabaqeqeshi abohlukeneyo – kanti naye uMabaso ufike kunyaka ophelileyo wayibethelela indawo yakhe kwade kwase kupheleni kwesizini.

“IPirates iye yanomdla kuMabaso. UMabaso udlale kakuhle kakhulu kuthi. Simnqwenelela okuhle kodwa. IPirates lelinye lamaqela amakhulu kweli lizwe. Ndicinga ukuba ikhangela abadlali ngoba iza kudlala kwimidlalo yeAfrika,” utshilo uMzinzi kwiSABC.

Iisizini ziyalandelelana iBucs imane ixhwitha abadlali kwiChippa United xa kuphela isizini – kodwa ke nayo inabadlali enabo ebafumene kuyo.

Ukuhamba kwaba badlali kwakushiya izikroba ezikhulu. Kunyanzelekile uDan Malesela, obuyele kwiChippa United njengomqeqeshi, akhangele abadlali abanamava abanokuvala iindawo zabo.

UMark Mayambela ngomnye umdlali exhathise ngaye iChippa ekuvakala ukuba ufunwa yiCape Town City. Kanti yona iChippa ityikitye abadlali abathathu abe bedlalela amaqela adlala kwaNational First Division noThabo Ntethe obedlalela iMamelodi Sundowns.

Kanti kulindeleke ukuba iChippa ityikitye uDaine Klate weBidvest Wits enomdla kuBantu Mzwakali weChippa.

pedro.mapelo@inl.co.za