Iziqwayi zeChippa United zithathwe yiPirates

ULinda Mntambo no-Abel Mabaso ngabadlali beChippa United abathathwe yi-Orlando Pirates. umfanekiso: BackpagePix

Abaphathi
bamaqela adlala kwiPremier Soccer League bamanxadanxada ngoba lixesha
lokukhangela abadlali abatsha phambi kokuvulwa kwesizini entsha. Nakubeni iphantse
yasengxakini kwisizini egqithileyo – kodwa kubonakala ngathi iChippa United
ayizimiselanga kubambelela kubadlali bayo abaphambili. Kwiveki ephelileyo,
ikhasi lomnatha lethu lezemidlalo, i-IOL Sport,  lidize iindaba ezithi i-Orlando Pirates
izimisele ukuthatha iziqwayi zabadlali beChippa abathathu bonke ngaxeshanye. Abo
badlali baquka isiququ somdlali siswini u-Abel Mabaso, inxele elidlala emva
uPaseka Mako noLinda Mntambo odlala njengefolosi emva kokutyikitywa yiChippa
ekuqaleni kwale nyaka.

Umphathi weChippa
United, uLukhanyo Mzinzi, uzingqinile kiingxelo ezingokuhamba kwabadlali
bobathathu kwincoko ayenze kwinkqubo yesikhululo sosasazo Umhlobo Wenene FM
kutshanje. UMako ube lixhadi leChippa iisizini ezimbini zonke phantsi
kwabaqeqeshi abohlukeneyo – kanti naye uMabaso ufike kunyaka ophelileyo wayibethelela
indawo yakhe kwade kwasekupheleni kwesizini. “IPirates iye yanomdla kuMabaso.
UMabaso udlale kakuhle kakhulu kuthi. Simnqwenelela okuhle kodwa. IPirates
lelinye lamaqela amakhulu kweli lizwe. Ndicinga ukuba ikhangela abadlali ngoba
iza kudlala kwimidlalo ye-Afrika,” utshilo uMzinzi kwiSABC.

Iisizini ziyalandelelana
iBucs imane ixhwitha abadlali kwiChippa United xa kuphela isizini – kodwa ke
nayo inabadlali enabo ebafumene kuyo. Ukuhamba kwaba badlali kwakushiya
izikroba ezikhulu. Kunyanzelekile uDan Malesela, obuyele kweiChippa United
njengomqeqeshi, akhangele abadlali abanamava abanokuvala iindawo zabo. UMark Mayambela
ngomnye umdlali exhathise ngaye iChippa ekuvakala ukuba ufunwa yiCape Town
City. Kanti yona iChippa ityikitye abadlali abathathu abebedlalela abaqela
adlala kwaNational First Division noThabo Ntethe obedlalela iMamelodi Sundowns.
Kanti kulindeleke ukuba iChippa ityikitye uDaine Klate weBidvest Wits enomdla
kuBantu Mzwakali weChippa.