NgoLwesihlanu umphathiswa wezemidlalo, uFikile uMbalula, wothuse abalandeli abaninzi bamanqindi xa ebhengeza ingqonyela entsha yeBoxing South Africa (BSA).
UMbalula ubhengeze uTsholofelo Lejaka nje- ngomlawuli ophezulu wamanqindi kweli loMzantsi Afrika, eli nyathelo ulichaze njengeenzame zesebe lakhe zokubuyisela amanqindi kwiimini zawo zodumo.
Ngelixa esenza intetho uMbalula uthe: “Ininzi into esele yenziwe kwaye ngoku sijonge kwindlela eyiyo. “Ndinga- qinisekisa ngeenkomo zam ekhaya, ukuba ndininika ungqa phambili,” utshilo uMbalula ngokuqeshwa kukaLejaka.
Emva kwesi sibhengezo, uLejaka naye uye wadlulisa amazwi ambalwa. “Kuza- kunyanzeleka ukuba ndibe- phakathi ezintweni,” utshilo uLejaka. ULejaka uthe, iBSA incedisana nesebe lezemidlalo, izakwenza iinzame zokuba iguqule indlela ajongwa ngayo amanqindi. “Ndiqinisekile singakwazi ukutshintsha izinto.”
iMamelodi Sundowns inyathele iMpheni Defenders emdlalweni weNedbank Cup