Izityel’ itheko namhlanje iBees, eSisa Dukashe Stadium

EC Bees ngethuba idlala neMainstay United, eSisa Dukashe Stadium. Umfanekiso: Pedro mapelo

Amagowuli amathathu afakwe nguJoseph Chikila ancede iqela laseMpuma Koloni elufumene impumelelo yalo yokuqala kwitumente edlalwa ngamaqela akwi-ABC Motsepe League ekuzakuthi kuhluzwe kuyo amaqela amabini aya kwiNational First Division. Iinyosi (EC Bees) zibethe iMainstay United ngo’8-1 kumdlalo wesibini eSisa Dukashe Stadium namhlanje. Nakubeni amaqela omabini ebezimisele ukulungisa iimpazamo zawo emva kokubethwa izolo – kodwa abazanyiswe kakubi ngumoya obubhudlala eMonti. UChikila ngumdlali wesibini ofake amagowuli amaninzi kule tumente, ulandela uMpho Erasmus osele efake amagowuli amane kwakweli qela linye. Iqela laseBhisho lizuza le mpumelelo yanamhlanje emva kokuphoxa abantu abaninzi izolo.

Iinyosi ziye kwixesha lokuphumla zinkqenkqeza phambili ngamagowuli amathathu kwelinye. Eli qela laseBhisho liye emdlalweni liphantsi koxinizelelo emva kokubethwa kumdlalo walo wokuqala izolo. Namhlanje ibinye into ebisezingqondweni zabadlali – kukufaka amagowuli kangangoko. Ifolosi ekhutheleyo, uJoseph Chikila, ubhakuzise umnatha kumzuzu wamashumi amabini anesibini kwisigaba sokuqala. Kwimizuzu nje emine emva koko uChristoffer Balie ufake elokulinganisa. URedin Jansen ugwaze umkhonto ekhaya ngomzuzu wamashumi amathathu – ngalo ndlela yaba iBees ihamba phambili ngo’2-1 – kodwa kutshintshwe amacala ihamba phambili ngo’3-1.

Omabini la maqela abuye ekhefini asukelana ngalaa ndlela ebesenza ngayo kwisigaba sokuqala. UChikila ufake igowuli lakhe lesibini, elesine leBees kumzuzu wamashumi amahlanu. Umqeqeshi weBees, uVuyisile Njedu, wenze iinguqu kwakhona ngokuthi afake uSiyabonga Booi endaweni kaMpho Maifo ofake igowuli kwisigaba sokuqala salo mdlalo. Kanti uNjedu ukhuphe uSive Mzolo emva kwamashumi amathathu emizuzu yomdlalo, wafaka uHopewell Dlamini – injongo ibikukuqinisa indlela iqela lakhe elidlala ngayo. USiphelele Jonase ufake igowuli leBees lesihlanu emva kokunikelana noSiyabulela Shai ongene kwisigaba sesibini somdlalo. UChikili noDlamini bayingcwabile iMainstay ekufakwe amagowuli alishumi elinesibini onke kule tumente. Ugalele engxoweni naye umdlalo wasemva naye uYondela Ntingiso ngethuba efaka igowuli lokugqibela.