Zithe
xibilili izibilini kubalendeli be-
amanqaku apheleleyo kumdlalo wanamhlanje. Eli qela laseKapa libethe iBaroka
ethanda ukusokolisa kakhulu ngo’1-0 kumdlalo we-Absa Premier Soccer League
obunzima e-Athlone Stadium. UMosa Lebusa nguye oncede i-Ajax ngokufaka igowuli
ekuphela kwalo emdlalweni kwimzuzu yokugqibela emdlalweni. Le mpumelelo
yanamhlanje ilifunqule iqela likaMuhsin Ertugral otsala nzima – kodwa ozimiseleyo
ukulisindisa iqela lakhe ezembeni xa kuphela isizini ka-2017/18.
Amaqela
omabini aye kwixesha lokuphumla kungekho nalinye elibhalisileyo ebhodini.
Ebekhona wona amathuba macala – kodwa kube nzima ukuwasebenzisa. ULucky Nguzana,
oqhothozayo kwicala lokufaka amagowuli, uzamile kwisigaba sokuqala – kodwa ibhola
yakhe iphume ecaleni kwepali. Naye kwelakhe icala uYannick Zakri uzamile,
ngelishwa lakhe – iinzame zakhe aziphumelelanga. Umqeqeshi we-Ajax ufake
uSamuel Julies kwisigaba sesibini endaweni ka-Isacc Nhlapo – kodwa kuncede
uLebusa kwimizuzu yokugqibela yomdlalo emva kokuba abadlali beBaroka FC
bengakwazanga ukuchitha ibhola.
Ngoku i-Ajax
ihleli kwindawo yeshumi elinesine kwiPSL. Ukuba ikwazile ukufumana enye
impumelelo ngempelaveki, i-Ajax inganethuba elicacileyo lokusinda ezembeni emva
kokusokola phantsi isizini yonke.
Booysen, Lebusa, Nel, Malepe, Margeman, Kabwe, Morris, Zakri.
Amalalela: Petersen, Pietersen, Mosadi, Takwara, Kammies,
Losper, Julies.
Baroka
FC: Dlamini, Mabotja, Mothupa, Kgaswane, Chawaphiwa, Nguzana, Banda, Kgoetyane,
Makgaka, Mdantsane, Madubanya.
Amalalela:
Vries, Rethabile, Mahashe, Mapheto, Moeti, Ngalande, Mosele.
Abafundi bematriki ka2024 benze imbali!