Izuze amanqaku apheleleyo iChippa United emdlalweni obuseBidvest Stadium

Augustine Kwem of Chippa United celebrates goal during the Absa Premiership 2019/20 match between Baroka FC and Chippa United at the Bidvest Stadium, Johannesburg on the 22 August 2020 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Uza kulala
ubuthongo obumnandi uLehlohonolo Seema emva kokuba iqela lakhe lizuze amanqaku
amathathu emdlalweni obalulekileyo ngorhatya lwanamhlanje. IChippa United
iphumelele umdlalo wayo wokuqala namahlanje ukusukela oko kuthe kwabuya
imidlalo yePSL ngokubetha iBaroka FC efe isilwa ngegowuli elinye (1-0)
emdlalweni obubanjelwe eBidvest Stadium. Yimpumelelo yokuqala oko efikile
uSeema emidlalweni emithathu engumqeqeshi oyintloko kwiChilli-Boys. Iqela
laseMpuma Koloni liye emdlalweni liphantsi koxinizelelo olumandla – kodwa ngethamsanqa
liza kuphefumla kancinci emva kokuzuza amanqaku aphuleleyo namhlanje. Igowuli elifakwe
yifolosi yaseNigeria, u-Augustine Kwem, ibe kuphela kwalo emdlalweni
obuseBidvest Stadium noxa amathuba ebekhona macala omabini.

Kuyiwe
kwixesha lokuphumla iChippa isendaweni entle ngoba ibinento esandleni. Umdlalo
utake iintlantsi zisuka ngoba nayo iBaroka ibizingela impumelelo. Igowuli
elifunyenwe yiChippa United kwangoko kwisigaba sokuqala kuyihluphezile nayo
iBaroka. UVeli Mothwa unqande amanzi engena endlini amatyeli aliqela kwa
kwisigaba sokuqala. Akukho mdlalo ophucukile odlalwe yiChippa kwisigaba
sesibini somdlalo. Into abadlali bayo abayenze kakuhle kukukhusela igowuli labo
qha. Naye uMothwa wenze umsebenzi omhle ezipalini encediswa ngoogxa bakhe
abadlala emva. Noxa igoduka ingaphethanga nto esandleni iBaroka – kodwa ikwazile
ukudala amathuba futhi iyiyo edlala umdlalo ongcono. IBaroka ikwindawo yeshumi
elinesine, yona iChippa ikwindawo yeshumi elinesibini.