Izuze impumelelo iMorocco emva kwamashumi amabini eminyaka endlala

UThibaut Courtois weBelgium ubethwe kabini emdlaloweni weFIFA World Cup namhlanje eAl Thumama Stadium. Umfanekiso: EPA/Ronald Wittek

Emva kokusokola emjikelweni wokuqala kwitumente yehlabathi, amaqela aseAfrika azuze impumelelo yawo yesibini namhlanje eQatar. Oku kwenzeke emva kokuba iMorocco ebizimisele ngeyona ndlela icambalalise iBelgium ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni obuse-Al Thumama ngenjikalanga yanamhlanje. Le yimpumelelo yokuqala yeMorocco kwitumente yehlabathi ukusukela ngo-1998. Emva kokudlala ntanganye neCoatia emdlalweni wokuqala, iMorocco inethuba elihle lokugqithela phambili kwitumente yehlabathi. Amagowuli empumelelo afakwe ngu-Abdelhamid Sabiri no-Aboukhalal. Omabini amagowuli afakwe kwisigaba sesibini somdlalo kwaye amshiye uThibaut Courtios weReal Madrid engakholelwa.

Isigaba sokuqala siphele kungekho nto ebhodini nangona iMorocco izamile ukuhlasela isebenzisa kakhulu amaphiko. UHakim Ziyech ngoyena mdlali weMorocco ongasoze alityalwe ngabadlali beBelgium emva kokubatshutshisa umdlalo wonke wanamhlanje. Nguye oqale wabhakuzelisa umnatha kwisigaba sokuqala – kodwa usompempe akalivumanga igowuli lakhe ngenxa yomdlali olaleleyo obhaqwe yiVAR encedisa oosompempe. Abadlali abafana Kevin De Bruyne no-Andre Onana bazamile – kodwa okuya kungqinwa ngabantu abaninzi kukuba iBelgium ibingenawo amandla emdlalweni wanamhlanje.

Kanti kwelinye icala, iMorocco ibizimisele kakhulu – mhlawumbi ubunzi babalandeli bayo kwenze umahluko kakhulu. Kwisigaba sesibini kubekhona ukutshintshiselana ngezithonga macala. UKapteni weBelgium, uEden Hazard, ukhe wazama ukukhabela unozinti obethe qwa. Ebekho wona amathuba weBelgium – kodwa ebengacacanga kakuhle ngokufanayo aweMorocco. Ukungena kukaRomelu Lukaku akwenzanga mahluko konke konke ngoba besekonakele kakhulu futhi neMorocco ingafuni nokuva emva. Akukacaci kakuhle awona maqela aza kudlulela phambili kuGoup F. Emidlalweni yokuqala, iBelgium yabetha iCanada ngegowuli elinye, iCroatia yabambana neMorocco enethuba elihle emva kwempumelelo yanamhlanje.