Izuze impumelelo yokuqala iSunrisers kwiBetway SA20 League

Abadlali beSunrisers Eastern Cape emdlalweni weBetway SA20 League ekuqaleni kwale veki.

kuthe qabu kubalandeli beqakamba eMpuma Koloni emva kokuba iqela labo lifumene impumelelo yokuqala kwiBetway SA20 League kulo nyaka. Emva kokuthatha indebe kwisizini yokuqala yeSA20 League, iSunrisers Eastern Cape ayiqalanga kakuhle kule sizini eqhubekayo.

Ibethiwe emidlalweni emibini yokuqala – kodwa kuye kwavuseleleka ithemba xa iSunrisers ibetha iMI Cape Town ngoothinti abane emdlalweni wangoLwesibini kule veki. Bakhutshwe bonke abadlali beMI Cape Town benze imitsi elikhulu elinamashumi alithoba anesibhozo (198/5) kuwe oothinti abahlanu.

Kanti lona iqela laseMpuma Koloni liqabele kumakhulu amabini anesibini (202/2) kuwe oothinti ababini kuphela. Loo msebenzi omhle owenziwe yiSunrisers wenziwe ngabadlali ababone kufanelekile ukuba mabaguqule izinto ukuze bafumane ithuba lokukhusela indebe yabo.

Abadlali beSunrisers abathe baziqaqambisa ngokubetha ibetha ibhola yeqakamba emdlalweni wangoLwesibini babini, nguJordan Herman no-Ottniel Baartman. UHerman, 202, wenze imbali ngokufumana ikhulu elinesithandathu lemitsi engaphumanga.

Impumelelo ezuzwe yiSunrisers iyibeke kwindawo yesithathu kumanqwanqwa eBetway SA20 League emva kweDurna’s Super Giants nePaarl Royals eziphezulu ngokulandelelana. Omnye wabadlali abenze umsebenzi oncomekayo nguDawid Malan obeqala ukudlala kwiSA20 League.

Ukufumana kwakhe uMalan amashumi amahlanu anesithathu emitsi kwiibhola ezingamashumi amathathu anesixhenxe kukhuthaze uHerman owenze ezibukwayo. Nakubeni yoyisakele iMI Cape Town – kodwa abadlali abaziwayo abaquka uRyan Rickelton noRassie van der Dussen baqhokre imitsi engamashumi asibhozo anambini bedimene.

Iqela laseMpuma Koloni kufuneka liza kulwela ukufumana impumelelo yesibini xa lidibana neDurba’s Super Giants emdlalweni weSA20 League oza kube useThekwini ngentsimbi yokuqala ngoMgqibelo. Umdlalo uza kuba nzima ngoba iSuper Giants ihleli kwindawo yokuqala ezimisele ukuyibanga.

Kanti kwelinye icala, iSunrisers Eastern Cape ikhangela indlela yokunyukela phezulu. Kweminye imidlalo yangempelaveki, iJoburg Super Kings idibana neProtoria Capitals emalanga ngentsimbi yesihlanu. Yona iPaarl Royals iza kuvana amandla neMI Cape Town.