Jackson Mabokgwane: Asiyithathi kancinane iMauritius

Amalungiselelo weqela lesizwe, iBafana Bafana, ahambe kakuhle izolo emva kokuba ephazanyiswe kukurhoxa kwabadlali ngoMvulo.

Eliqela likaShakes limaxhaphetshu lilungiselela umdlalo nelizwe laseMariutius kule mpelaveki siya kuyo.

ABafana Bafana bakusuku lwesibini kwinkampu eseJohannesburg Stadium. Umdlali wasemva, uMotjeka Madisha, ungene endaweni kaNtsikelelo Nyauza, orhoxiswe ngenxa yokuxakeka kweqela lakhe, iPirates, yimidlalo yeCAF Confederation Cup.

Eli qela loMzantsi Afrika kulindeleke ukuba lintingele kwilizwe laseMauritius ngoLlwesihlanu, apho azakuvana amandla khona lamazwe ngentsi yesithathu emalanga ngeCawa.

“Sizimisele ukuwuphumelela lo mdlalo,” kodwa siyazi

ukuba akuzukuba lula konke konke. Asilithathi kancinci ilizwe laseMoritius ngenxa yokuba lo umdlalo wahlukile kulowa wangaphambili. Siya phaya kwaye neengqondo zethu sizimilisele ekufumaneli impumelelo kuphela” utshilo uJackson Mabokgwane, unozinti weBafana Bafana

Kanti naye umdlali siswini weBafana Bafana, uSiphelele Ntshangase, uthe maqule maligangatha. “Sizakudlala umdlalo owahluke kakhulu phambi kwabalandeli babo, mhlawumbi kunganyanzeleka sizilungiselele nesimo sezulu esingaqhelekanga, kodwa okubalulekileyo kukuba siwulungele umdlalo. Into emnandi ngale midlalo kukuba le midlalo inika ithuba abadlali abatsha” utshilo uNtshangase.

UNtshangase ngomye wabadlali abadlali indima ephambili kumlenze wokuqala emva kokufaka amagowuli amabini kwamathathu iqela elaphumelela ngawo eDobsonville Stadium. “Ndithatha

elithuba ndibulele kubaqeqeshi beqela lesizwe ngokundinika ithuba lokuzibonakalisa nam. Silindele umdlalo onzima kuba sizodlalela kude nekhaya uvale ngalo mazwi uNtshangase.

ABafana Bafana bazama ukuzifumanela indawo kwitumente eyaziwa ngokuba yiCHAN.