Jacques Neinaber: AmaBhokobhoko asakhokelwa nguSiya Kolisi!

UNomsa Mazbuko, Siya Kolisi, Lukhanyo Am, Jesse Kriel, Malcolm Marx noMapula Bodibe. Umfanekiso: ©Samuel Shivambu/BackpagePix

AmaBhokobhoko aza kubuyela ebaleni okokuqala ukusukela oko abuya nendebe yehlabathi eJapan ekuthambekeni kuka-2019. Iqela lesizwe loMzantsi Afrika lombhoxo liqale amalungiselelo wotyelelo lwamaNgesi (British & Irish Lions) kwinyanga ezayo. NgeCawe egqithileyo, uJacques Nienaber, uchonge amashumi amane anesithandathu abadlali aza kuya ngabo emfazweni yoMzantsi Afrika naMangesi. UNienaber uza kuqeqesha AmaBhokobhoko okokuqala njengomqeqeshi emidlalweni yezizwe ukusukela oko wathatha iintambo kuRassie Erasmus – owabeka phantsi emva kweNdebe yeHlabathi.

Iqela likaNienaber liza kukhokelwa nguSiya Kolisi – osazama ukubuyisela umdlalo wakhe ezingeni eliphezulu kwiCell C Sharks emthathe kwiStormers ekuqaleni kwalo nyaka. “Akukho nto itshintshileyo, uKolisi uza kukhokela iqela,” utshilo iNienaber, ebuzwa ziintatheli. Njengokuba umbhoxo ubukhe wanqumama ixesha elide, uKolisi ufike wanikwa inkqubo yoqeqesho olukhethekileyo kwiSharks kuba bekufunwa abuyele kwisimo sakhe njengomdlali. Yenzekile lo nto kwaye zibekhona iimpawu ezithembisileyo emidlalweni emine edlalela iCell C Sharks.

Siya Kolisi. Umfanekiso: ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Iqela likaNienaber ngumxube wabadlali abanamava nabasakhulayo ngoba utyelelo lwaMangesi lubaluleke kakhulu. Kwelinye icala, Amabhokobhoko kufuneka abonise ihlabathi ukuba asezizo iingangalala embhoxweni. Amadoda amatsha aquka uJoseph Dweba, uNicolaas Janse van Rensburg, uJasper Wiese, uSanele Nohamba, uWandisile Simelane, uYaw Penxe, uRosko Specman no-Aphelele Fassi. Ethetha ngokuchongwa kwabadlali, uRassie Erasmus oyintloko yeSA Rugby, uthe abaqeqeshi bebebakhele umkhanyo bonke abadlali ukusukela mhla kwabuyiswa imidlalo yombhoxo emva kwesitshi seKhorona ekupheleni kuka-2020.

“Besiyijongele indlela abe bedlala ngayo abadlali ukusukela ekupheleni kwesizini egqithileyo. Sidibanise iqela labadlali abanezakhono kwaye sicinga ukuba baya kukwazi ukudlala kakuhle. Abadlali abaninzi badlala phesheya kolwandle; lo nto ibanike ithuba lokuqinisa indlela abadlala ngayo. Sinethemba lokuba umdlalo wabo iza kuqinisa iqela lethu phambi kwemidlalo yezizwe,” utshilo uErasmus. Yena umqeqeshi weSpringbok uthe abadlali baza kufumana ithuba lokuziqaqambisa xa bedlala neqela elikhethekileyo, iBritish & Irish Lions.