Jele: Soze isibethe kathathu iBidvest Wits

UHappy Jele weOrlando Pirates umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Nguwashiywa nowashiywa ngoku phakathi kwamaqela adlala kwi-Absa Premier Soccer League.

Ilelo nelo iqela liqokelela amanqaku afumanekayo ukuze kuthi xa kuvalwa isizini libe lisendaweni entle.

Kule veki, iBidvest Wits yamkela i-Orlando Pirates kumdlalo wePSL obaluleke kakhulu ngokuhlwa kwangoLwesine eBidvest Stadium.

IWits ihleli kwindawo yokuqala kwiPSL kwaye ngoku ikhangela amanqaku naphantsi kwezicithi enokuthi iwafumane ukuze iphumelele eyona ndebe iyifuna kakhulu.

Umdlali wasemva kweZimnyama, uHappy Jele, ubetha ngenqindi phantsi kwesi isihlandlo ngelithi soze iWits ibethe iqela lakhe kathathu kwisizini enye.

Lo kaJele utsho emva kokubethwa kweqela lakhe kabini yiWits ngo’2-1 kumdlalo weMTN 8 nowePSL.

Iqela likaGavin Hunt liya kulo mdlalo likhuthazekile emva kokubetha iMamelodi Sundowns ngo’1-0 ekuqaleni kwale veki.

Nayo iPirates ityelela iWits noko incumile emva kokubetha iBaroka FC ngo’1-1 neChippa United ngo’2-1 kwiveki ephelileyo. Ezo ziphumo ziyingenise kwiTop 8 iBucs – kodwa ihleli ngempund’enye ngoba ingasuswa nanini na ukuba ayikwazi ukuphumelela imidlalo yayo.

“Isibethile iWits kwade kwakabini kule isizini, andiqondi noko ukuba ingasibetha kathathu. Kule sizini iWits yenye yamaqela alwa kakhulu, yiyo lo nto isisokolisile,” utshilo uJele kumsitho kaVodacom.

“Ukuzithemba kuyakhula kuthi phantsi komqeqeshi wethu uKjell Jonevret, kwaye sizimisele ukulwa kule midlalo mihlanu ishiyekileyo. Sifuna amanqaku xa sidibana neWits, hayi impindezelo. Ukuze siqinisekise indawo yethu kwiTop 8, kufuneka siqokelele amanqaku kuyo yonke imidlalo eshiyekileyo,” uvale ngalo mazwi uJele.