Jermaine Seoposenwe udibanise ikhulu lemidlalo edlalela aBanyana Banyana!

Umdlali owaziwayo ebholeni ekhatywayo, uJermaine Seoposenwe, uphakathi kwabadlali abakhethekileyo abathe bafinca ikhulu lemidlalo kwiqela lesizwe. Lo mdlali-siswini ufumene ukhulu lakhe emdlalweni obuphakathi kwaBanyana Banyana neTanzania obubanjelwe eMbombela Stadium, eMpumalanga, ekuqaleni kwale veki. UMzantsi Afrika uye waphumelela ngegowuli elinye elifakwe nguThembi Kgatlana kwisiqingatha sesibini. Kanti emdlalweni wokuqala, iTanzania ibethelwe kowayo ngamagowuli amathathu eqandeni.

Le yimidlalo ehlakulela itumente enemidlalo entlobontlobo ekuthiwa yi-Olimpiki. Njengomdlali onekhulu lemidlalo, uSeoposenwe unikwe isikipha esikhethekileyo njengesipho nguGqirha uDanny Jordaan ebambisene noSasol – umxhasi omkhulu webhola ekhatywayo yamantombazana. USeoposenwe, 30, ngomnye wabadlali abanamava kwiqela lesizwe ngoku. Waqala ukulidlalela ngonyaka ka2010 lidlala neZimbabwe. Ukusukela ngoko, zange aphinde ajonge ngasemva.

Kunyaka ophelileyo, ebephakathi kwabadlali abancede uMzantsi Afrika waphumelela indebe yeWomen’s Africa Cup of Nations phambi kokuya kwiFifa Women’s World Cup. “Kuliwonnga elikhulu kum ukudlalela iqela lesizwe. Sikwazile ukukhula kule minyaka elishumi elinesine egqithileyo. Kuwo onke amahlandinyuka kwiqela lesizwe, wonke umntu wenze indima yakhe endleleni yam. Into endingayenza kukubulela uThixo ondigcine ixesha elide kangaka kwiqela lesizwe,” utshilo uSeoposenwe.

“Ukuba yinxalenye yeqela eliphumelelayo yinto enkulu kum. Ukusuka kwiWafcon ukuya kwiWorld Cup, uyabonakala umahluko. Sikhulile futhi siyayazi nento esifuna ukuyizuza kwiqela lesizwe,” uvale ngaloo mazwi uSeoposenwe odlalela aBanyana Banyana. Emva kokubetha iTanzania ngamagowuli amane eqandeni emidlalweni emibini, uMzantsi Afrika ulungiselela ukudibana notshaba olukhulu, iNigeria, emdlalweni ohlakulela i-Olimpiki eza kube iseFrance ekuthambekeni kwalo nyaka.