Jonevret: Batheth’ into enye kum abantu

Kjell Jonevret, Coach of Orlando Pirates during the 2017 Nedbank Cup Final joint press conference for Supersport United and Orlando Pirates at Moses Mabhida Stadium in Durban on on 22 June 2017 © Gerhard Duraan/BackpagePix

Umqeqeshi we-Orlando Pirates, uKjell Jonevret, uzingela indebe yakhe yokuqala ukusukela mhla wathath’ iintambo kweli qela laseSoweto ekuqaleni kwalo nyaka. IPirates iqubisana neSuperSport United kumdlalo weNedbank Cup ekulindeleke ube nzima kakhulu eMoses Mabhida Stadium ngo’20:15 ngoMgqibelo. Ngaphandle kwamathandabuzo, iBucs iza kusebenzisa lo mdlalo njengethuba lokuziphindezela emva kokubethwa ngo’3-2 yiSuperSport kumdlalo wamagqibela kankqoyi weNedbank Cup kwisizini ephelileyo. Kanti nokubethwa kwePirates ngo’6-1 leli qela lasePitoli lenze kwakhule ngakumbi ubutshaba phakathi kwala maqela mabini.

Umqeqeshi wePirates uthi eli lithuba leqela lakhe lokufumana indebe. “Sisebenze nzima kakhulu kweli qela. Lo ngumdlalo wamagqibela kankqoyi kwaye siyiqonda kakuhle lo nto. Okuza kubaluleka kulo mdlalo yindlela iqela ngalinye eliqhuba ngayo emdlalweni, hayi indawo elivale isizini lime kuyo. Imidlalo efana nale inzima ngoba iba yimpazamo ethi lahlule amaqela adlalayo,” utshilo uJonevret kwikhasi lomnatha lePirates.

IPirates iya kulo mdlalo ujongwe ngamehlo abomvu abadlali bayo bephelele ngaphandle komdlali omnye, uThembinkosi Lorch, osakhonkxwe kukonzakala. Le ndedeba yaseSweeden (Kjell Jonevret) ifuna ukusebenzisa lo mdlalo njengethuba lokuthatha indebe eThekwini – apho iPirates yagqibela khona ukuphakamisa indebe ngo-2014. Encokweni abenayo nabantu, uJovenret uthi abantu bathethe into enye kuye.

“Kulapha kanye apho saphumelela khona indebe yeNedbank ngo-2014 kwaye kukwa kule ndawo esidlalele kuyo umdlalo wethu wokugqibela. Abantu endincokole nabo apha eThekwini nalapha eqeleni lethu bathethe into enye kum: ‘Sicela usinike indebe’. Nangona abadlali benokugutyungelwa luvalo ekuqaleni komdlalo ngenxa yoxinizelelo – kodwa ndicinga ukuba izinto ezinjalo ziya sikhuthaza,” utshilo uJonevret kwiintatheli namhlanje.

Emva kokuhamba kukaVlad Vermezovic kwiBucs ngo-2014, abaqeqeshi abathathu abakwazanga ukuphumelela nenye indebe – ngoku uxinizelelo lusemagxeni walo ukhoyo umqeqeshi. Okwenza kunyanzeleke ukuba iPirates iphumelele kulo mdlalo yindlela embi eqhube ngayo kwisizini edlulileyo. Le yeyona ndlela enokuxolisa ngayo abalandeli bayo abanxungupheleyo.

Umdlalo awusoze ubelula kuyo iPrates ngoba iSuperSport United ibixakekiswe yimidlalo yeCaf – into eyenza abadlali bayo bawulungele ngaphezulu kuneZimnyama ezidlale nje imidlalo yobuhlobo embalwa emva kokusongwa kwesizini. UStuart Baxter uzakube eqeqesha Amatsatsantsa a Pitori okokugqibela kulo mdlalo njengokuba kulindeleke athath’ intambo ngokupheleleyo kwiBafana Bafana emva kwawo.