Justin Shonga: Okubalulekileyo kum kukunceda iSekhukhune United

Ifolosi yaseZambia, uJustin Shona, iphakathi kwabadlali abathathu abatsha ababhengezwe ngabatshakazi beDStv Premiership, iSekhukhune United. Abanye abadlali ababhengeziwe nguEvans Rusike obekhe wangumdlali weMaritzburg United neSuperSport United noLuckBoy Mokoena osuka kwiTS Galaxy. UShonga ubuyele eMzantsi Afrika emva kokwenza utsi gxada kwiqela laseYiphutha ekuthiwa yi-Ismaily SC elamthatha echithwe yiCape Town City kwisizini egqithileyo emva kokukhululwa yi-Orlando Pirates. Le ndedeba yaseZambia yaziqaqambisa kwiDStv Premiership ngethuba idlalela iPirates isaqeqeshwa nguMilutin Sredojevic.

“SiyiSekhukhune United Football Club sinovuyo lokwazisa abadlali bethu abatsha: uJustin Shonga osuka kwi-Ismaily SC, uEvans Rusike osuka kwiSuperSport United noLuckBoy Mokoena osuka kwiTS Galaxy,” itshilo ingxelo ekhutshwe yiSekhukhune kwikhasi layo lonxibelelwano kule veki. Iingxelo zamajelo eendaba zithi uShonga uzichithile iintente elizweni lakwaFaro emva kokungavumelani ngemiba yesivumelwano sengqesho ne-Ismaily SC. “Kumnandi kakhulu kum ukubuyela kwiDStv Premiership,” utshilo uShonga emva kokutyikitywa yiSekhukhune. “Eyona nto ephambili kum kukunceda iqela lifumane amanqaku livale nesizini lisendaweni ebhetele. Ndiza kusebenza ngamandla ukuze ndikwazi ukubuyisela indlela endidlala ngayo,” utshilo uShonga.

Yona iMaritzburg ikhulule iJose Ali Meza waseVenezuela noFares Hachi. Bobabini bakhe badlalela iMamelodi Sundowns eminyakeni egqithileyo. UMeza uchithiwe yiTeam of Choice ngenxa yokukhathazwa kukonzakala. Nangona uHachi edlale imidlalo esondele kumashumi amabini, kule isizini eqhubekayo akadlalanga konke konke. Wafika eMzantsi Afrika emva kokuzibalula kwiES Setif – kodwa izinto azimhambelanga kakuhle kwiDowns nakwiChippa United. Kanti iMaritzburg United ichithe abadlali emva kokulahlekelwa nguBongokuhle Hlongwane othathwe yiMinnesotta United yaseMelika. UHlongwane ngomnye wabadlali abaphambili kwiqela lesizwe eliqeqeshwa nguHugo Broos.