Kagiso Rabada: Okwadlulayo asifuni kusiphazamise kwiT20 World Cup

UKagiso Rabada uthi iqela lesizwe loMzantsi Afrika likulungele ukudlala imidlalo yeT20 World Cup. Umfanekiso: Pradeep Dambarage/BackpagePix

Njengokuba iqela lesizwe loMzantsi Afrika leqakamba lilungiselela umdlalo walo omkhulu kwiT20 World Cup yalo nyaka esingathwe yi-United Arab Emirates, uKagiso Rabada uthi okwenze eminyakeni egqithileyo ngeke kube nomthelela kwindlela abaza kudlala ngayo emidlalweni yabo. UMzantsi Afrika uza kudlala umdlalo wawo wesibini wetumente yehlabathi (T20 World Cup) notshaba lwawo olukhulu iAustralia ngoMgqibelo. Kwiitumente zehlabathi ezigqithileyo, iqela likaMark Boucher aliqhubanga kakuhle kwaphela – kodwa kweli ityeli, kukho ithemba leziphumo ezinomahluko.

“Andikuthandi tu ukuthetha ngezinto ezadlulayo. Into esingazukuyenza kukurhuqa amahlahla sisiya kwiNdebe yeHlabathi. Akukho namnye umntu owayefuna ukubethwa emidlalweni yeetumente ezidlulileyo kwaye siya emidlalweni ezayo sinalo nto ezingqondweni zethu,” utshilo uRabada phambi komdlalo obalulekileyo weqela lakhe ngempelaveki. UMzantsi Afrika uza kudibana neenkcutshe zomdlalo weqakamba, iWest Indies, ngoLwesibini weveki ezayo eDubai. Emva koko, uza kudibana neNgilane ngomhla wesithandathu kwinyanga yeNkanga. “Kufuneka sidlale ngokuzimisela. Siliqela elithanda ukuzibonakalisa ngokudlala iqakamba ngendlela yethu. Sijongene nomsebenzi omkhulu phambi kwethu,” utshilo uRabada.

Emidlalweni yokugabula izigcawu, iProteas idlule lula kwi-Afghanistan ngemitsi engamashumi amane ananye. Ngumdlalo wokuzifudumeza odlalwe nanguKapteni, uTemba Bavuma, obekade engadlali ngenxa yokonzakala emnweni. “Ukuzithemba ebadlali kuphezulu kwaye sizama ukwakha iqela elomeleleyo. Yonke into isahamba ngokwezicwangciso. Okwenzeke eminyakeni edlulileyo sakuphosa ngemva – kodwa sifundile kwezo zinto. Xa sidlala kakuhle, akukho qela esingenakulibetha. Sifuna ukujongana nomdlalo ngamnye kule tumente yehlabathi ukuze sihlale sizinzile,” uvale ngaloo mazwi uRabada.