Inzalelwane yaseQonce ethanda kakhulu iKaizer Chiefs yenze udliwano-ndlebe neli phephandaba. Le ndedeba isibalisela ngendlela eyaqala ngayo ukulandela iChiefs nezinye izinto ezinqwenelayo kwiqela layo.
Pedro Mapelo: Bhota Mhlekazi, unjani?
Umlandeli: Ndiphilile Bhuti, kunjani kuwe?
PM: Khawuzichaze nje ngokufutshane, ungubani?
Umlandeli: Igama lam ndinguBongani Kanqu. Ndizalelwe ngaph’eQonce – kodwa ke ngoku ndihlala apha eSouthernwood, eMonti, ngenxa yomsebenzi.
PM: Enkosi, Unexesha elingakanani ulandela iChiefs?
Bongani Kanqu: Yohkudala kakhulu, ndineminyaka engaphaya kwamashumi amabini ndingumlandeli weKaizer Chiefs. Ndavele ndayithanda nje – kodwa ndatsalwa nangabadlali abafana nooThabo Mooki, uThabang Lebese noBrian Baloyi. Wonke umntu ekhaya wayethanda i-Orlando Pirates, mna ndaqonda ukuba mandiphume ecaleni ngento yam ndodwa.
PM: Yeyiphi eyona eyenzekileyo kwiChiefs ongasoze uyilibale njengokuba ungumlandeli?
BK: Ukuphumelela kweChiefs indebe yeMandela Cup. Neendebe zePSL ezimbini esazifumana ngethuba kusekho uTed Dumitru.
PM: Unqwenela akwenzele ntoni Amakhosi kule isizini?
BK: Ndingavuya ukuba singafumana indebe yePremier Soccer League kule isizini ngoba yeyona ndebe ibalulekileyo. Enye into endiyinqwenelayo kukudlaliswa kukaGeorge Lebese kwimidlalo ezayo. Phambi kokonzakala kwakhe yayingoyena mdlali odlala kakuhle kakhulu kwiChiefs.
PM: Ngubani oyena mdlali umthandayo kwiChiefs?
BK: NguGeorge Lebese no-Itumeleng Khune. Bobabini abo badlali ndibathandela ukuyilwela iChiefs xa bedlala – kanti kwelinye icala banexesha elide beyidlalela. Bayayazi indlela ekuqhutywa ngayo kwiChiefs.
PM: Enkosi Mhlekazi.
Ayivule ngendlela encumisayo Amakhosi isizini yeBetway Premiership!