Katsande: Sizimisele ukuyikhupa engxakini iKaizer Chiefs

UWillard Katsande uthi bazimisele ukunceda iKaizer Chiefs kwimidlalo ezayo ukuze ifumane iziphumo ezincumisayo. Lo mdlali siswini uzithembile emva kokuvuzwa ngewonga lokuba ngumdlali wenyanga alifumene ngenxa yomsebenzi oncomekayo awenzileyo.

Amakhosi adlala umdlalo we-Absa Premier Soccer League neMpumalanga Black Aces ngorhatya ngomso eMbombela Stadium. Eli qela lizinze eNaturena aliphumelelanga nomnye umdlalo kwemithandathu edlulileyo,lo nto ibeke uxinizelelo kakhulu kumqeqeshi weChiefs, uSteve Komphela. Izinto zibembi ngakumbi xa iiGlamour-boys zikhutshwa kwiCaf Champions League nakumdlalo ezabethwa kuwo yiJomo Cosmos ngo’1-0.

UKatsande ngumdlali onefuthe elingumangaliso kwiChiefs, kwaye ukuhamba nzima kwayo kubetha bonke abachaphazelekayo, kodwa uthi imidlalo yamazwe ngamazwe edlalwe kutshanje imnike amandla nenkuthazo efunekayo. “Iziphumo zeZimbabwe zindikhuthazile kakhulu emva kokuxinga kwethu kwimidlalo yePSL. Siyilungele iBlack Aces ngoLwesibini. Okubalulekileyo kuthi kukujongana nomdlalo ubemnye ngexesha, sonwabele ibhola emva koko. Amajita azimisele enkampini kodwa masilinde sibone ukuba uLwesibini usiphathele ntoni na. Kufuneka simnike inkxaso umqeqeshi ukuze afumane iindebe naye kwiChiefs. Kufanel’uba abadlali bayixhome kubo emagxeni into yokubethwa kweqela kutshanje,” utshilo uKatsande esamkela iwonga eGoli.

Iintetha zalo mdlali zilandela intetho eyenziwe ngusihlalo weChiefs, uMnu. Kaizer Motaung, apho athe akukho mfuneko yakuxhalaba nokugxotha umqeqeshi ngokungakwazi kweqela ukuza neziphumo ezihle. “Akukho sizathu sakugxotha umqeqeshi ngoba ukuba senza njalo sakuba asiyazi into esiyenzayo,” utshilo uMotaung kwiveki ephelileyo.

Eso ibisisiqinisekiso esithi utshintsho luzakubakhona kwisizini ezayo, kodwa umqeqeshi akahambi. Le sizini kulindeleke iphele Amakhosi engenayo indebe ayifumeneyo.