Ke Yona: Izilole zonke izixhobo zayo iChippa United

Abadlali beChippa United bevuyela igowuli emdlalweni weNedbank Cup ababetha kuwo iPretoria Callies. Umfanekiso: ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Eminyakeni engaphezulu kweshumi, iChippa United iza kuqala ngqa ukudlala emdlalweni wokugqibela wendebe. Eyona nto eqhelekileyo kuyo kukulwela ukusinda ezembeni qho xa kusongwa isizini. Kwakufuneka abadlali balibale kancinci ngezinye izinto xa iChippa United idibana neTshakhuma Tsha Madzivhandila (TTM) emdlalweni weNedbank Cup oza kubanjelwa eFree State Stadium ngentsimbi ngo-18:00 ngoMgqibelo.

Kukho utshintsho oko kuthe kwafika uVladislav Heric. Emidlalweni emithathu egqithileyo, iChippa United ibambene neGolden Arrows phambi kokubetha iKaizer Chiefs neStellenbosch ngokulandelelana. Ethetha neentatheli kule veki, uHeric uthe balindele umdlalo onzima kakhulu xa bedibana neTTM – kodwa baza kulwela ukuwuphumelela umdlalo.

“Umdlalo uza kubanzima futhi ungangabinawo umtsalane ngoba iqela ngalinye lakube lidlalela ukuphumelela,” utshilo uHeric. Le ndedeba yaseSerbia ithe iChippa United iya nazo zonke izixhobo zayo eFree State ngoba ifuna ukuphumelela. Impumelelo ingamnceda uHeric ngoba iya kuba sisixhobo sakhe sokukhuthaza abadlali xa iChippa izama ukubaleka izembe emva kweNedbank Cup.

“Sizama ukulungisa iingqondo zabadlali ukuze kuthi kufika umdlalo wangoMgqibelo zibe zikulungele ukudibana neTTM. Okwethu singabaqeqeshi kukuqinisekisa ukuba abadlali abalilahli ithemba futhi bayokholwa ukuba bangaphumelela kwiNedbank nakwiDStv,” utshilo uHeric. Yena uKapteni weChippa, uFrederic Nsambiumva, uthe umdlalo weNedbank Cup ukhethekile futhi ubalulekile kubo bengabadlali ngoba abadlali abaninzi zange badlala emdlalweni wamagqibelakankqoyi.

“Siwulungele umdlalo wokugqibela noxa abanye bethu bengazange bayiphumelela indebe. Eli lithuba elihle lokubonisa into esingayenza. Sifuna ukubuyela eMpuma Koloni nendebe. Umdlalo weNedbank ubaluleke gqithi ngenxa yembali yeChippa efikelele kwindawo ekuyo okokuqala embalini yayo. Ndiyayazi indlela obaluleke ngayo umdlalo weNedbank kubalandeli bethu. Ndiqinisekile baza kusibukela ngoMgqibelo,” utshilo uNsambiiumva, okwathe bonke abadlali bazimisele kuba befuna ukudlala emdlalweni wokugqibela weNedbank Cup.