Kebe: Sifuna ukuya kwiGold Cup!

Umqeqeshi weSwallows, uNtando Kebe, uthi iqela lakhe lifuna ukuphinda libe yinxalenye yamaqela adlala kwiGold Cup kunyaka ozayo.

Le ndedeba yakwaKebe ikuthethe oku emva kokuba iqela layo lihlaze iPolice XV ngemvula yamanqaku emdlalweni weSuper League obubanjelwe eBuffalo City Stadium kwimpelaveki egqithileyo.

Iqela likaKebe libhulele amasaka iPolice XV ngo’51-27. “Badlalile abadlali bam kulo mdlalo. IPolice liqela elinobuzaza kwaye uyabona nje ukuba ibizimisele ukuwuphumelela umdlalo,” utshilo uKebe.

Umqeqeshi ubeke iliso lakhe kwitumente yombhoxo eyaziwayo, iGold Cup, athi iqela lakhe lizimisele ukuba yinxalenye yayo kunyaka ozayo. “Sizimisele ukuba ziintshatsheli zeSuper League kwaye sifuna ukuba yinxalenye yeGold Cup kwakhona,” utshilo uKebe. Kanti yena umqeqeshi wePolice, uKhawuta Gqabantsi, uyiqhwabele izandla iSwallows. “Ndiyothulela umnqwazi iSwallows. Isibethile namhlanje. Senze konke esinako emdlalweni kodwa amava abanawo abadlali beSwallows asibethile namhlanje,” utshilo uGqabantsi emva komdlalo kwiveki ephelileyo.

Indedeba yakwaGqabantsi ikholelwa kwelokuba ukungaziphathi kakuhle kwabadlali kuyichaphazele kakubi indlela abadlale ngayo emdlalweni. “Sikhe sadlala silishumi elinesithathu ngenxa yabadlali abafumene amakhadi atyheli. Ndikholelwa kwelokuba isisokolisile lo nto. ISwallows ilele kathathu emgceni emva kokunqunyanyiswa kwabadlali bethu,” utshilo uGqabantsi emva kokuvuthululwa kweqela lakhe emdlalweni. UGqabantsi uthi ukubethwa kweqela lakhe ngeke kuliphazamise kakhulu ngoba isemininzi imidlalo esezayo.

Iziphumo zeSuper League: Buffalo 17-47 Black Eagles, WSU All Blacks 29-18 Ntlaza Lions, Ocean Sweepers 5-10 Ncerha Leopards, Fort Hare Blues 52-25 Berlin Tigers, Breakers 14-41 Old Selbornians. Iziphumo zePremier League: Wallabies 29-10 Bussy Boys, United Brothers 26-43 Winter Rose, Evergreens 12-0 Ngculu Zebras, Shining Stars 12-34 Cambridge.