Khethani ubufede okanye ubuqhawe!

Iqela lesizwe loMzantsi Afrika lizama indlela yokuya kwitumente yeAfrika ekunyaka ozayo – kodwa ukuya okanye ukungayi kwalo kuxhomekeke kwiziphumo zomdlalo wangempelaveki.

ABafana Bafana baza kothulana phezulu notshaba lwabo olukhulu – iNigeria, kumdlalo oza kube useFNB Stadium ngo’15:00 ngoMgqibelo.

Izixhiliphothi zaseNigeria ziza eMzantsi Afrika zilume ongezantsi zifun’intwib’ilapha emva kokubethwa yiBafana Bafana kumdlalo owawuseUyo – apho uTokelo Rantie wabuya namagowuli amabini ancumisa abantu baseMzantsi Afrika.

UStuart Baxter uphantsi koxinizelelo ngoba sekulithuba iqela lakhe lingakwazi ukuya kwitumente ezinkulu ngenxa yobufede.

Lifikile ixesha lokuba bakhethe into ibenye abadlali bakaBaxter: ubufede okanye ubuqhawe.

Ukuba uMzantsi Afrika ubukwazile ukubetha iSeychelles kumdlalo wokugqibela, imicimbi ngeyicalanye ngoku.

Lo nto yabatyhafisa abantu. Noxa ukudlala neNigeria kunzima – kodwa eli lithuba laBafana Bafana lokulwela isizwe sabo.

Umqeqeshi weBafana Bafana, uStuart Baxter, uthi akayoyiki tu iSuper Eagles.

Kunika ithemba ukuzithemba kwakhe – kodwa yonke into kufuneka iqiniswe ngumsebenzi omhle wabadlali ebaleni.

“Sinabadlali abonzakeleyo. Ndiza kuthetha nabadlali ngesinako kwiqela lethu ngoba noba siyayihlonipha iNigeria – kodwa asiyoyiki.

Ndicinga ukuba sinabo abadlali abanesakhono, sinawo umnqweno wokuqubisana nabo kwaye ndiqinisekile – umhla womdlalo uya kufika ukuzithemba kuphezulu ebadlalini.

Ndiyakholwa ukuba sinalo ithuba lokufumana iziphumo ezincumisayo emdlalweni,” utshilo uBaxter.

Inqaku elahlula uMzantsi Afrika kwiNigeria linye qha.

Lo nto yenza ubaluleke ngakumbi umdlalo wempelaveki.

Phezulu yiNigeria, emva kwayo kulandela iqela likaBaxter.

Ngeke kube lula kwiBafana Bafana emdlalweni ngoba iSuper Eagles iza kube ikhangela indlela yokuziphindezela emva kokubethelwa ekhayeni layo.

Nakubeni imidlalo yeBafana ingenawo umtsalane ebantwini – kodwa ukuza kweNigeria kunganawo umkhoka.

Elo iya kuba lithuba labadlali lokubuyisa isidima soMzantsi Afrika kwibhola yeAfrika neyehlabathi liphela ngokubetha iNigeria kwakhona.