Khune: Thobani umoya, iChiefs iza kuvuka!

Kubhulwe idangatya lomlilo omkhulu kule veku eNaturena ngabaphathi nabadlali beKaizer Chiefs. Oku bakwenze emva kokuba abalandeli bebonakalise umsindo wabo batsho besithi umqeqeshi makahambe emva kokuba iChiefs ibethwe yiGolden Arrows ngo’3-2 emdlalweni weDStv Premiership ophuncuke ezandleni sele iwubambili ePeter Mokaba Stadium kwiveki ephelileyo. Njengokuba iChiefs iza kudibana ne’Orlando Pirates emdlalweni weDStv Premiership oza kube useFNB Stadium emalanga ngoMgqibelo, ukapteni weChiefs, u-Itumeleng Khune, ucele abalandeli beqela lakhe ukuba babe nomonde.

Abalandeli beChiefs baneminyaka esibhozo yonke bengasafumani ndebe – into engaqhelekanga futhi ebaxhaphazisa ngabalandeli beMamelodi Sundowns nePirates. Ethetha neentatheli ekuqaleni kwale veki, uKhune uuvumile ukuba akukuhlanga kodwa wathembisa ngelithi iChiefs iza kubuyela kundalashe – kodwa abalandeli mabamnike ithuba umqeqeshi ukuze akwazi ukwakha iqela eliluqilima neliza kwenza le nto bayikhalelayo, ukuphumelela iindebe.

“Kuqhelekile ukubetheka kweqela elenze iinguqu ezininzi. Neli lethu lisazama ukudibanisa umdlalo walo. Ndiyayazi kudala sicela umonde kubo abalandeli – kodwa kufuneka bakhumbule ukuba ukutshintshwa kwabaqeqeshi okwenziwe eminyakeni egqithileyo yinto eyayifunwe ngabo. Wonke umntu kufuneka anikwe ithuba lokuzinza ukuze akwazi ukudlala kakuhle,” utshilo uKhune. “Sikwazi kakuhle ukubaluleka kokuphumelela iindebe kwiChiefs emva kwexesha elide.

“Izinto ziza kuthatha ixesha ngenxa yabadlali abatsha abaninzi esinabo. EYurophu, umqeqeshi banikwa ithuba elide ade aqhelane nabadlali bakhe. Ewe, sinethuba elide singaphumeli iindebe – kodwa iqela liyahlangana. Kwisizini ezayo, kufanele siqale ukuthatha iindebe. Siyabathembisa abalandeli, izinto ziza kujika ekuhambeni kwexesha,” utshilo uKhune. Amakhosi aqwalelayo adibana nePirates ekelemileyo. Iza kuya eFNB Stadium ikhuthazekile emva kokubetha iMaritzburg United kwiveki ephelileyo. Kunyanzelekile iqela likaZwane liphumelele ukuze baxole abalandeli ababukele libethwa emidlalweni esibhozo yonke kule sizini ingekapheli.