Kule sizini unozinti weChiefs, * -Itumeleng Khune uyavuma ukuba izinto azimhambelanga kakuhle futhi le isizini yeyona imbi kwiminyaka elishumi edlala ibhola kwi-Absa Premier Soccer League.
Oyena nozinti othe wadlala imidlalo emininzi kwisizini ka’2015/16 nguReyaad Pieterse. Yena uKhune noBrilliant Khuzwayo baphazanyiswe kukonzakala, kodwa nasekuphileni kwakhe akhonto ingako ayenzileyo ngoba neChiefs izinto khange ziyihambele kakuhle.
UKhune uthi, le isizini iyayogqitha le waqala ngayo u2007/08. “Ndihleli ithuba elide ngaphandle, kodwa ndibuye ngamandla, yiyo lo nto ndiyifumene indawo yam kwiBafana Bafana. Ndiyavuma le isizini yeyona ndifuna ukuyilibala msinya. Lo nozinti uchongiwe nguShakes Mashaba njengokuba elungiselela umdlalo weGambia. Amakhosi alwela indawo yesithathu adlala neChippa United ngomso eFNB Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga.
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro