Klassen: UFuzile akanantanga eMzantsi Afrika

Yintshatsheli evunyiweyo uAzinga Fuzile.

Le mbethimanqindi yaseZiphunzane izibalule kakhulu xeshikweni ihlaza igqala, uMalcom Klassen, kumdlalo wentshinga ye-IBF obubanjelwe eOrient Theatre kwiveki ephelileyo. Iingcali zamanqindi bezifunge zamunca iintupha ngelithi uza kuvavanywa uFuzile, kambe ezinye sizithi uza kubethwa nguKlassen.

UFuzile usuke wamthi gram gram jwi kumjikelo wesine, kwaphela ngoKlassen.

UKlassen uthe uyavuma; akanantanga kweli lizwe uFuzile.

“Hayi ndiyamvuma ukuba mhle lo mfana. Emva kokubetha mna, lifikile ixesha lokuba simkhulule ayokulwela intshinga yehlabathi ngoba akanantanga apha ekhaya,” utshilo uKlassen.

UKlassen uvuke phantsi izihlandlo ezibini emva kokubethwa nguFuzile. OkaKlassen uthe ubethwe nguFuzile zacima izibane waqonda ukuba makanikezele.

UBenny Pailman, oqeqesha uKlassen, uncede ngokuphela komlo ngokuba bekucacile ukuba ngeke bayifumane impumelelo.

“Uncede waphela umlo ngokuba ebeza kubethwa kuyo yonke imijikelo uKlassen. Ukrelekrele kakhulu uFuzile, ndomothulela umnqwazi,” utshilo Pailman.

UFuzile ukholelwa kwelokuba ugqibile eMzantsi Afrika.

“Ndigqibile eMzantsi Afrika ngoku; ndifuna ukulwela intshinga yehlabathi. Ukuba ndingathi ndifuna ukulwa nentshatsheli yoMzantsi Afrika (uPhila Mpontshane), ndingafana nomntu obuya umva,” utshilo uFuzile.

Umququzeleli kaFuzile, uTerris Ntutu, uthi bazama ukufumana indoda ephezulu kumanqwanqwa we-IBF ngokuba bafuna akhawuleze alwele intshinga yehlabathi.

“UFuzile ugqibile ngoku apha ekhaya. Siza kumfunela enye kula madoda mahlanu aphezulu kwi-IBF. SiyiRumbe Afrika Promotions siyayibulela kakhulu inkxaso esiyifumene kubalandeli baseMonti. Sivele kumabonakude nje namhlanje kungenxa yenkxaso yabo,” utshilo uNtutu.

isibhalo@inl.co.za