Kolisi: Ndafika ndiyinkwenkwe ngoku ndimka ndiyindoda

Indlela kaSiya Kolisi eya KwaZulu-Natal kwiCell C Sharks ivuliwe emva kokukhululwa kwakhe yiWestern Province kwiintsuku ezidlulileyo. Abaphathi beWestern Province bagqibe kwelokuba bamkhulule phambi kokuphelelwa kwesivumelwano sakhe sengqesho uKolisi kuba engavumanga ukusandisa kwakhona. Sekulithuba kukho amahumhum athi uKolisi ufunwa ngabaphathi abatsha beSharks azana nabo kakhulu. “Isivumelwano sengqesho sikaKolisi siphelelwa kwinyanga yeDwarha ka2021 kodwa uye wakhululwa uSiya kwakucaca okokuba akafuni ukuhlala nasemva kokuvumelana ngemali angakhululwa ngayo,” itshilo iWestern Province. Umphathi weSharks, uEduard Coetzee, uthe kwiveki ephelileyo ngeke iqela lakhe likhuphe isigidi serandi (R1-million) esifunwa siStormers ngomdlali osele esemnyango. UKolisi uyinikela umva iNtshona Koloni emva kokudlalela iStormers iminyaka elishumi elinanye yonke.

Le ndedeba yaseBhayi yathathwa isafunda kwisikolo sodumo, iGrey High School – eyeyona ndawo akhulele kuyo emdlalweni wombhoxo wade wadlalela iqela lesizwe. “Soze ndililibale ithuba endilifumeneyo lokufezekisa iphupha lam. Uvumele abantwana abafana nam batsho bakwazi ukwenza izinto abazifunayo ebomini. Ukucinga xa ungumntu yinto enkulu; ndiyavuya ngoba nisivumele sakwenza esikucingayo. Ndafika eDHL Newlands ndiyinkwenkwe, ngoku ndihamba ndiyindoda,” utshilo uKapteni weSpringbok. “Ukudlala ndawonye namagqala wombhoxo afana noDe Villiers, uBurger, uHabana, uBekker nabanye kwiWestern Province yinto enkulu. Ndiyavuya ngoba nelam igama belibizwa ngadlali beDHL Stormers,” utshilo uKolisi. Le ndedeba yaseBhayi ilibangisa kwaZulu-Natal – apho aza kudlala khona nabakhaya bakhe kwiSharks abafana noAphelele Fassie noLukhanyo Am phakathi kwabo. Kulindeleke uKolisi abe ngumdlali weSharks mhlawumbi ingekapheli le veki.