Umqeqeshi weKaizer Chiefs, uSteve Komphela, wonwabile emva kokuba iqela lakhe liqokelele amanqaku apheleleyo kumdlalo wayizolo. Amakhosi avuthulule iFree State Stars etsala nzima kule mihla ngo’3-1 kumdlalo we-Absa Premier Soccer League eFNB Stadium.
Lo ibingumdlalo wokuqala kulo nyaka (2017) emva kwekhefu leeveki ezintandathu ngenxa ye-2017 Afcon. Yimpumelelo yesithathu le yeChiefs imidlalo ilandelelana emva kokuphumelela emibini phambi kokuvala kunyaka ophelileyo.
Amakhosi aphakathi kwamaqela amane agacele ukuphumelela indebe yePSL ekupheleni kwale sizini – kodwa kufuneka asebenze ngamandla ngoba amaqela afana neMamelodi Sundowns, iBidvest Wits neSuperSport United nawo alwela le ndebe.
UKomphela uthi bekufaneluba iqela lakhe lenze umsebenzi ongcono izolo watsho encoma uGeorge Maluleka amkhuphileyo emva komsebenzi omhle awenzileyo emdlalweni.
“Ngesifumene ngaphezulu koku sikufumeneyo. Bendicinga ukuba sakuya kwixesha lokuphumla sihamba phambili ngamagowuli amane,” utshilo uKomphela emva komdlalo.
“UChirambadare bekufanele ulisebenzisile elinye ithuba alifumeneyo, zizinto ekufuneka zilungiswe ke ezo. UGeorge Maluleka udlale umdlalo ophucukileyo – kodwa ndithe mandimkhuphe emdlalweni ngoba sifuna ukumsebenzisa kumdlalo olandelayo. Siyamazi udlale kakuhle, simkhuphe kuba sifuna ukumphumza,” utshilo uKomphela.
IMasimanyane ikhuthaza ibhola ekhatywayo kumantombazana ngeenzame zokulwa iGBV