Umqeqeshi weKaizer Chiefs, uSteve Komphela, uthi umdlalo ngamnye kwisizini ezayo uzakudlalwa ngokukhulu ukuzimisela. Amakhosi abila esoma enkampini eseMpumalanga, apho alungiselela isizini entsha yePSL.
Eli qela laseNaturena lizimisele ukuphuthuma umdlalo walo elaziwa ngawo, equka nemfuneko yokutshayela zonke iindebe. Abalandeli beChiefs basaqumbile emva kokuba ingafumananga nenye indebe kwisizini ka’2015/16, kodwa uKomphela uzimisele ukuyiguqula lo nto.
Ngaphezu koko uthi ufuna ukwenza izinto ngendlela yeChiefs, kwaye lo mqeqeshi uthi amalungiselelo eqela ngawo azalisekise umnqweno wakhe wokudlalisa iqela elivelisa umdlalo onomtsalane. “Apha kwiChiefs wonke umdlalo ubalulekile kwaye kufuneka uthathelwe ingqalelo ngamaxesha onke.
Ithethe ukuthi lo nto imidlalo engamashumi amathathu yePSL neyeendebe ezintathu izakudlalwa ngokufanayo futhi ngokuzimisela,” utshilo uKompela kwikhasi lomnatha leqela lakhe. “Iinjongo neminqweno yethu iyakufezekiswa ukuba siyayibethelela ezingqondweni zabadlali ukubaluleka kokudlala ngokuzinikela,” utsho uKomphela.
IKaizer Chiefs ilungiselela umdlalo omkhulu weCarling Black Label ophakathi kwayo ne-Orlando Pirates eFNB Stadium.
Lo ngumdlalo la maqela omabini athi azivavanye aphinde abonise nangabadlali abatsha. UKomphela uthi uzakuthatha lo mdlalo njengethuba lokujonga amandla eqela lakhe phambi kwesizini entsha. “ICarling Cup luvavanyo olunzima, ngumdlalo omkhulu obuya kuwo unezivubeko ukuba awuzilungiselelanga. Sakube sithe gabhu kwicala lamalungiselelo ethu. Sizimisele kodwa ukubuyisa la bhola bayithandayo abantu,” utshilo uKomphela.
Lo mqeqeshi unxanelwe impumelelo kakubi emva kokuba isizini yakhe yokuqala ingahambanga kakuhle kwiChiefs. Abaphathi bamnike phantse zonke izinto azifunileyo ngoku, icekwa lilele kuye.
Makadedele abanye uMalema kwiEFF