Kubekwe iR22-m phezu kwentloko kaModiba!

Njengokuba kusondela ixesha lokuthengwa kwabadlali kwibhola ekhatywayo, kunokwenzeka uAubrey Modiba abe ngomnye wabadlali abafunwa ngamaqela aphesheya.

UModiba ngomnye wabadlali abaphambili kwiSuperSport United axhathise ngabo uKaitano Tembo. Kutshanje, iMamelodi Sundowns ikhe yazibika kwiSuperSport ifuna ukuthenga uModiba odlala ekunxele.

Ilinge layo iDowns zange liphumelele kodwa iindaba ezivakalayo ngoku zithi angaya kwiqela laseYurophu. Umanejala kaModiba, uGlyn Binkin, uxelele amajelo eendaba okokuba ngeke akwazi ukumthenga amaqela alapha eMzantsi Afrika emva kokuphanza kwelinge leSundowns ekuthiwa yayizimisele ukumthenga ngeshumi elinesibini lonke lezigidi zeerandi (R12-million) ekuqaleni kwalo nyaka.

Kwiinyanga ezidlulileyo, uModiba uvuselele isivumelwano sakhe sengqesho kwiSuperSport.

Lo nto ibibonisa okokuba uzimisele ukwenza ingeniso xa imkhulula aye kwamanye amaqela. “Ufuna ukuya phesheya uModiba ngoba ufuna ukukhula ebholeni ekhatywayo. Siza kuzama lo nto ngoku ngoba yeyona nto ayifunayo. Sizimisele ukwenza konke okusemandleni wethu ukuze aye eYurophu apho afuna ukudlala khona,” utshilo uBinkin.

Ngokwengxelo yamajelo eendaba, iSuperSport kuthiwa ifuna amashumi amabini anesibini ezigidi zeerandi (R22-million) ukuze imkhulule.

Nangona uModiba engumdlali okhathazwa kukonzakala kodwa usebenzile kwimidlalo elishumi elinesine ayidlalileyo kwaye ubenalo igalelo kwindebe yeMTN 8 ezuzwe yiSuperSport United kunyaka ophelileyo.