Kubethwe uNomeva kwakhala abalandeli!

Imbethi-manqindi yakwaBhaca, uXolisani “Nomeva” Ndongeni, iphulukene nomlo okukuqala ukusukela mhla yalwa kudidi oluphezulu emanqindini.

UDevin Haney ulibangule imeva kwatsho kwathi huuu.

Kwimpelaveki ephelileyo, le mbethi-manqindi yaseMelika ivuthulule kanobomi uNomeva kumlo obujongwe ngamehlo abomvu eShreveport kwilizwe laseMelika.

UNomeva, 28, wonganyelwe yimvula yamanqindi kaHaney wade wanikezela – kodwa nangona kunjalo, uthi zininzi izinto azifundileyo.

“Besimazi ukuba uyimbethi-manqindi ebukhali uHaney kwaye ebewulungiselele umlo. Zininzi izinto endizithathileyo eziza kundinceda ukubheka phambili,” utshilo uNdongeni.

Ukubethwa kukaNomeva kubenze balithandabuza izinga lamanqindi akweli lizwe abalandeli bamanqindi.

USiyanda Vabaza uthe: “Liphantsi izinga lamanqindi alapha kweli lizwe. Xa imbethi-manqindi efana noNomeva ebethe zonke iimbethi-manqindi ezithenjiweyo ibethwa ligatyana ngolwa hlobo. NguZolani Tete yedwa imbethi-manqindi ekudidi oluphezulu.”

Omnye umlandeli waseMonti, uOvayo Nkopane, uthethe wenjenje: “Lo mlo ubhentsise indlela asemva ngayo amanqindi akweli lizwe. UHaney uyabonakala ukuba uyimbethi-manqindi ephuhliswe kakuhle, ngelixa kunzima kwezethu iimbethi-manqindi.”

Ibiyimpumelelo yamashumi amabini ananye kaHaney engekoyiswa, ngelixa ibikokokuqala ebethwa uNdongeni kwimilo engamashumi amabini anesithandathu.

Omabini la madoda angqengqise iimbethi-manqindi ezilishumi elinesithathu.