Kubuyiselwa umbhoxo endaweni yawo eBhayi

Iqela lombhoxo laseBhayi lifumene abaxhasi abatsha nabalawuli abatsha ekuqaleni kwale veki Umfanekiso: Southern Kings

Iinzame zokubuyisela umbhoxo endaweni yawo eBhayi ezizanywa ngabaphathi bombhoxo, amashishini norhulumente wasekuhlaleni, yinto encomekayo kakhulu.

Ekuqaleni kwale veki, iSouthern Kings, ifumene ufunqu emva kokufumana inkxaso kwinkampani enkulu yaseJapan ekuthiwa ngu-Isuzu Motors.

Eli qela lombhoxo laseBhayi lisoloko lithiwe mbende kukungabikho kozinzo ngenxa yolawulo oluhesheheshe – ingakumbi ngasezimalini.

Kunyaka ophelileyo, iKings yaye yaqala ukudlala kwiPRO 14 emva kokuguzulwa kwiSuper Rugby.

Enye into encomekayo ziindaba ezithi iSouthern Kings ziza kuthengwa yintlanganisela yamashishini wabantu abamnyama.

Lo nto iyakuthetha ukuthi iKings liqela lombhoxo lokuqala elisezandleni zabantu abamnyama. Ezi ndaba ziqinisekiswe ngumlawuli weKings ogama linguCharl Crous kwingxelo ekhutshwe ngoMvulo.

Obemele iqumrhu elenza iimoto (Isuzu Motors South Africa), uMichael Sacke, uthe basebenzisana noosomashishini abamnyama, kwaye bachwayite kakhulu njengokuba bengabaxhasi beKings.

“Singatsho ukuthi iKings imele kanye le nto siyiyo nanjengoko thina nabanini beqela siqala into entsha. Sisonke silangazelela uzinzo nempumelelo. Sicela abantu baseMpuma Koloni baxhase iKings ukuze sikwazi ukwakha indawo yombhoxo kwindawo yethu,” utshilo uSacke.

Zonke ezi nkquleqhu zenziwa kuba kufunwa ukubuyiselwa umbhoxo eBhayi – enye yeendawo ezivelise oomanqanqa bomboxo abafana noSiya Kolisi oyinkokeli yeqela lesizwe namhlanje.

UMnu. Loyiso Dotywana, obemele oosomashishini abaza kuxhuzula imikhala kwiKings, uthe indawo yaseNelson Mandela Bay Metro ifanelwe liqela abanokuziqhenya ngalo abantu.

“Sizimisele ukwakha iqela eliza kuhlala ixesha elide. Injongo esinayo kukubona kufunquka umbhoxo oyakwenza i-Isuzi Southern Kings iphumelele iGuinness PRO 14. Similisela iziseko zophuhliso lwabadlali ngoba sifuna ukugcina abadlali abaqaqambileyo apha eMpuma Koloni. Eli likhaya lombhoxo,” utshilo uDotywana.

Ukuthengwa kweKings kulindeleke ukuba kugunyaziswe ngokusesikweni sisigqeba esiphethe iSARU kwiiveki ezimbalwa ezizayo.

IKings iyakube isebenzisa izikipa ezitsha kraca xa ivula isizini entsha yePRO 14 ekupheleni kwale nyanga.