UThulani Mbenge yenye yeembethimanqindi ezize ngobuso ezweni futhi ekulindeleke zithathe umdlalo wamanqindi waseMzantsi Afrika ziwubeke kwinqanaba eliphezulu kakhulu.
Le ndedeba yaseMdantsane ngokuzalwa ithiwe jize ngewonga elikhulu kakhulu lembethimanqindi ebalaseleyo ngo2018 emsithweni obubanjelwe eSandton, eGoli, kutshanje.
Ethetha neentatheli emva kokwamkela iwonga, uMbenge uthe uzuze iwonga ngenxa yokusebenza ngokuzimisela ngamaxesha onke. Iwonga libonwe ngabaninzi emanqindini njengenkuthazo njengokuba uMbenge elungiselela ukukhusela intshinga yakhe ye-IBO emlweni aza kulwa kuwo noSebastian Formella waseJamani ngomhla wesithandathu kwinyanga yeKhala.
UMbenge uza kube esilwa ityeli lesibini eJamani, ngaphambili waye seyidyongwana eyayisakhangela isitya ebumnyameni.
Sekulithuba elide uMbenge ezilolonga kwaye ngoku uthi ukulungele ukudibana noFormella etshatshalazeni okokuqala elizweni laseYurophu ngoku ayimbethimanqindi ekudidi oluphezulu.
“Yinto enkulu kakhulu le kum ngoba ndiza kube ndisilwa okokuqala ngaphandle kwelizwe lam ukusukela oko ndathi ndayimbethimanqindi ehlawulwayo. Sinethuba elide kakhulu ngoku silungiselela umlo ozayo. Ndingatsho ngaphandle kwamathandabuzo okokuba ndiwulungele umlo. Bekufanele ukuba umlo ube kule nyanga kaCanzibe kodwa uye wahlehliswa. Ndinesicwangciso esihle kakhulu kodwa yonke into ndakuyibonisa eqongeni xa ndisilwela ukuphumelela eYurophu. Kulindelwe lukhulu kum ngabantu baseYurophu nabalapha kwizwekazi laseAfrika,” utshilo uMbenge encokola neentatheli eSandton emva kokwamkela iwonga.
Unyaka ophelileyo ebemhle kakhulu kuMbenge ozinze eGoli – apho wayokuzingela khona amadlelo aluhlaza emva kokunikela umva iMpuma Koloni kwiminyaka edlulileyo. UMbenge ubethe uDiego Cruz emlweni wentshinga engenamntu yeWBC International Welterweight phambi kokulahla phantsi ngenqindi uDiego Gabriel Chaves kumjikelo wesixhenxe kwi-IBO Welterweight kwakunyaka ophelileyo. UMbenge ugqibele ngokubetha uMiguel Vazquez ekhusela intshinga yakhe.
Ibanjiwe indoda etshayise imoto ebikhwele uZuma