Kudiban’ iinkunzi emdlalwen’ onzima!

Umfutho wedabi laseSoweto sowuvakala kubalandeli bebhola xa kudibana iOrlando Pirates neKaizer Chiefs. Emisebenzini, ezitishini zoololiwe, ezibhasini, kwiindawo zentselo nasezicaweni, kwenziwa amaqashiso ngelona qela eliza kuphumelela. La maqela mabini aza kududlala okweenkunzi zegusha xa edibana emdlalweni weDStv Premiership obalulekileyo eFNB Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo. Leliphi eliza kugoba iphondo? Lakutshona ilanga kucaca ngoMgqibelo. Ezimnyama ziya emdlalweni omkhulu zinyathelela phezulu emva kokungcwaba iMamelodi Sundowns ngesithathu samanqaku eqandeni kwimpelaveki egqithileyo.

Kwelinye icala, Amakhosi aya emdlalweni engciphuza emva kokoyiswa kukubetha AmaZulu emdlalweni obuseMoses Mabhida Stadium. Nakubeni iPirates iqhuba kakuhle, kodwa kunzima ukuthi akukho nto enokwenziwa yiChiefs kuba ingaphumelelanga emidlalweni emithathu egqithileyo. Idabi laseSoweto lahlukile kweminye imidlalo. Emva kokuba iChiefs ikhutshwe kwiMTN8, uArthur Zwane uthe kunyanzelekile bazivuthulule ukulungiselela umdlalo omkhulu ebomini bakhe.

Kunyanzelekile iChiefs ize neziphumo ezahlukileyo kodwa kunokwenzeka ivuke ingqumbo yabalandeli. “Siza kuzivuthulula siye phambili. Lo uphelileyo umdlalo siwuphosa ngemva ngoba kukho omnye obalulekileyo. Iqhuba kakuhle iPirates. Intle lo nto ngoba ifunqula ibhola yaseMzantsi Afrika. Siza kulwela iziphumo emdlweni ozayo,” utshilo uZwane ophantsi koxinizelelo emva kokuphoswa yindebe yeMTN8.

Kwelinye icala, uJose Riveiro, uthe iqela lakhe liza kuvelisa umdlalo ophucukileyo emidlalweni elandelayo emva kokubetha iSundowns kwiMTN8 etsho yenza iinguqu kwisigqeba esiqeqeshayo. URiveiro uya edabini lakhe laseSoweto lokuqala eqhayisa ngabadlali abayingozi abafana noKermit Erasmus noMonnapule Saleng ababulele iDowns kutshanje.

“Kuhle ukuphumelela kwethu umdlalo. Siya emdlalweni olandelayo sonwabile. Kodwa ke kubalulekile kuthi ukuphucula indlela esidlala ngayo emva komdlalo ngamnye,” utshilo uRiveiro. Amatikiti omdlalo athengiswe aphela ngoLwesibini wale veki. Kwiiveki ezizayo, iChiefs nePirates ziza kudibana futhi kwiCarling Black Label eza kudlalelwa eFNB Stadium.