Kudibana amaqela adlala kwiMotsepe League kwitumente engempelaveki

Umbutho olawula ibhola ekhatywayo, iSafa, uza kuba netumente yebhola ekhatywayo eza kuqhutywa ngempelaveki. Ngamaqela alishumi elinesithandathu asuka kwiMotsepe League aza kukhuphisana eJan Smuts Stadium, eMonti, ukusukela ngoMgqibelo ukuya ngeCawe. Okwangoku itumente iza kuba nebhola ekhatywayo kuphela – kodwa iza kufakwa neminye imidlalo.

“Sibone kufanelekile singuSafa apha eMpuma Koloni ukuba mayenze itumente ikhumbule abantu abawayo kwintlekele eyenzeka eBhisho. Thina senza isikhumbuzo ngemidlalo ngoba abanye abantu babekwezemidlalo. Enye ke yeendlela zokulwa nezinto ezimbi kwiindawo ezihlala abantu yimidlalo ngoba yona sisixhobo esidibanisa abantu,” utshilo uZinzi Mesele.

Abaququzeleli bathi basebenzisana nesebe leZemidlalo kwiphondo leMpuma Koloni nayo iChippa United edlalela eminye yemidlalo yayo eMonti. Imidlalo yetumente ibiza kusongwa phambi komdlalo weChippa kule mpelaveki – kodwa ngelishwa, uza kudlalelwa eGqeberha ngenxa yebala elimoshwe yimvula. “Amaqela aza kudlala ngala akwiMotsepe League. Kwakube kukho namaqela omculo aza konwabisa abantu,” utshilo uZinzi.