Umfutho wedabi laseSoweto sowuvakala kubalandeli bebhola. Xa kudibana i-Orlando Pirates neKaizer Chiefs – wonke umntu olandela ibhola ekhatywayo unezimvo – ngoba ngowona mdlalo omkhulu ebholeni yaseMzantsi Afrika. Emisebenzi, ezitishini zoololiwe, ezibhasini, kwiindawo zentselo, ezicaweni – kwenziwa amaqashiso ngelona qela eliza kuphumelela. La maqela mabini aza kududlala okweenkunzi zegusha xa edibana emdlalweni weDStv Premiership obalulekileyo eFNB Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo. Umbuzo: Leliphi eliza kugoba iphondo? Lakutshona ilanga kucacile ngoMgqibelo. Ezimnyama ziya emdlalweni omkhulu zinyathelela phezulu emva kokungcwaba iMamelodi Sundowns ngesithathu samagowuli eqandeni kwimpelaveki egqithileyo.
Kwelinye icala, Amakhosi aya emdlalweni engciphuza emva kokoyiswa kukubetha AmaZulu emdlalweni obuseMoses Mabhida Stadium. Nakubeni iPirates iqhuba kakuhle – kodwa kunzima ukuthi akukho nto enokwenziwa yiChiefs kuba ingaphumelelanga emidlalweni emithathu egqithileyo. Idabi laseSoweto lahlukile kweminye imidlalo. Emva kokuba iChiefs ikhutshwe kwiMTN8, uArthur Zwane uthe kunyanzelekile bazivuthulule ngoba balungiselela umdlalo omkhulu ebomini bakhe. Kunyanzelekile iChiefs ize neziphumo ezahlukileyo ngoba kunokwenzeka ivuke ingqumbo yabalandeli xa inokubethwa. “Siza kuvuzivuthulula siye phambili. Lo uphelileyo umdlalo siwuphose ngemva ngoba kukho omnye obalulekileyo. Iqhuba kakuhle iPirates. Intle lo nto ngoba ifunqula ibhola yaseMzantsi Afrika. Siza kulwela iziphumo emdlweni ozayo,” utshilo uZwane ophantsi koxinizelelo emva kokuphoswa yindebe yeMTN8.
Kwelinye icala, uJose Riveiro, uthe iqela lakhe liza kuvelisa umdlalo ophucukelo emidlalweni elandelayo emva kokubetha iSundowns kwiMTN8 etsho yenza iinguqu kwisigqeba esiqeqeshayo. URiveiro uya edabini laseSoweto lakhe lokuqala eqhayisa ngabadlali abayingozi abafana noKermit Erasmus noMonnapule Saleng ababulele iDowns kutshanje. “Kuhle ukuphumelela kwethu umdlalo. Siya emdlalweni olandelayo sonwabile. Kodwa ke kubalulekile kuthi ukuphucula indlela esidlala ngayo emva komdlalo ngamnye,” utshilo uRiveiro. Amatikiti omdlalo athengiswe aphela ngoLwesibini wale veki. Kwiiveki ezizayo, iChiefs nePirates ziza kudibana futhi kwiCarling Black Label eza kudlalelwa eFNB Stadium.
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10