Kudibana iinkunzi zaseSoweto emdlalweni weDStv Premiership!

UMonnapule Saleng we’Orlando Pirates noSifiso Hlanti weKaizer Chiefs emdlalweni weDStv Premiership. Umfanekiso: ©Sydney Mahlangu/BackpagePix

Ilizwe loMzantsi Afrika liza kuma ngxi xa kudibana iKaizer Chiefs ne’Orlando Pirates emdlalweni weDStv Premiership oza kube useFNB Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo. Nakubeni amaqela omabini akhe akaqhuba kakuhle emidlalweni yeDStv Premiership eliqela – kodwa umdlalo wawo ujongwe ngamehlo abomvu ngabalandeli. Kulindelwe impumelelo kuwo omabini amaqela ngabalandeli abafuna ukuwabona ekwiindawo eziphezulu. Uxinizelelo lukwiChiefs ngoba ayiqhubi kakuhle futhi iphoswe naziindebe ezimbini zonke kule sizini engeyixolise ngazo abalandeli abanesingqala ngenxa yokunqaba kweendebe eNaturena.

Okokuqala, ukusukela oko uCavin Johnson ethe wathatha iintambo kuMolefi Ntseki, uza kuqeqesha okokuqala kwidabi laseSoweto kwaye akafuni ukubethwa kulo ngoba ngoyena mdlalo obalulekileyo ebholeni yaseMzantsi Afrika. Noxa ibikhe yagqwidiza iPirates emva kokuphumelela iMTN8 Cup kwinyanga ephelileyo – kodwa iya emdlalweni wangempelaveki umsila uphezulu emva kokubetha iSekhukhune United ngo’1-0 emdlalweni weDStv Premiership obungoLwesibini wale veki. Ngaphandle kwamathandabuzo, uJose Riveiro uza kuya emdlalweni ewalole ngakumbi amakhwenkwe wakhe.

Okuhle enkampini yakhe kukuba unabadlali abanje ngoThembinkosi Lorch odlala kakuhle ukusukela oko ethe waphuncuka ekonzakaleni. Emva komdlalo wale veki, uLorch uthembise abalandeli beqela lakhe ngelithi iBucs iza kuya eFNB Stadium inenjongo yokugoduka namanqaku amathathu. “Umdlalo ubunzima kakhulu. Indlela esidinwe ngayo – kodwa asikwazi ukuphumla. Ngoku iingqondo zethu zisemdlalweni olandelayo,” utshilo uLorch obengumdlali obalaseleyo emdlalweni wale veki. Bekubalulekile ukuphumelela kwePirates ukuze iye kwidabi laseSoweto ikhuthazekile.

“Bekubalulekile kuthi ukufumana amanqaku apheleleyo ngoba sinethuba elide singaqhubi kakuhle. Sijongene nomnye umdlalo onzima. Kufuneka siphumle ukuze sikwazi ukuzilungiselela umdlalo olandelayo. Kufuneka sizilungiselele kakuhle njengeminye imidlalo. Kodwa siyabathembisa abalandeli, siza kuphumelela. Siza kudlalela ukuphumelela umdlalo njengesiqhelo. Sifuna amanqaku amathathu,” utshilo uLorch echwayitile emva komdlalo. IPirates iza kuthembela kubadlali abafana noLorch, uZakhele Lepasa noMonnapuelng Saleng. Kanti Amakhosi aza kutyhala ngo-Ashley Du Preez, Edson Castillo noKeagan Dolly.