Kudibana omakad’ezondana eKings Park!

UCoenie Oosthuizen yindoda engazibandeziyo nokuba umdlalo unzima kangakanani na. Yilo kanye enokuthi ilindelwe kule mpelaveki xa kudibana iSharks neWaratahs kwibala iKings Park kumdlalo weSuper Rugby onemijikelo emithathu. Kule sizini entsha yeSuper Rugby, iSharks idlale imidlalo emibini. Kwiveki ephelileyo iSharks ibethelwe eBrisbane – ngoku izakube isamkela iqela elisuka eNew South Wales elakube linomsindo emva kokubethelwa oogqirha nezicaka ngamanqaku akumashumi amahlanu amanqaku [50] ziLions kumdlalo obuse-Ellis Park kwiveki ephelileyo.

“Eyona nto ibethayo kumbhoxo kukuba udlala kakuhle kulo umdlalo, kwiveki elandelayo udibana nento ongakhange uyilindele tu,” utsho u-Oosthuizen.

“Nakubeni kunjalo, ufumana ithuba lokuzilwela – nantso into emnandi ngokhuphiswano olutsala ixesha elide. Siyazazi indlela ezakuza ngayo iWaratahs kulo mdlalo, siyakuqonda okulindeleke kwiqela elibethiweyo. Lelona qela lisemcimbini e-Australia – kodwa izinto azilihambelanga kakuhle kwiveki ephelileyo ngethuba libethwa ziLions. Bayayazi lo nto, nathi siyayazi kwaye lo nto ithetha ukuthi umdlalo uzakunika umdla,” utsho u-Oosthuizen.

Esi sijikixa somdlali wakwa-Oosthuizen njengokuba bekwazi okulindelekileyo kulo mdlalo – kufuneka bazijul’ijacu. “Bazakuza kuthi bengxamile, kufuneka siqine kodwa siqinisekise ukuba abadlali bethu basemva sibanika ibhola. Sizimisele ukwenza umahluko kolu khuphiswano emva komdlalo obungemhlanga esiwudlale neReds nesiwudlale kakuhle neBrumbies,” utsho u-Oosthuizen.

Lo mdlalo kulindeleke utsale abalandeli abaninzi kuba uphakathi kweengqwele kumdlalo wombhoxo.