Kudibana oomakad’ ezondana bombhoxo eMbombela Stadium ngomso!

USiya Kolisi noMzwandile Stick bethetha neentatheli phambi komdlalo wovavanyo ophakathi koMzantsi Afrika neNew Zealand ngomso emalanga eMbombela Stadium. Umfanekiso: Samuel Shivambu/BackpagePix

Ngomso yimini enkulu kakhulu kubalandeli bombhoxo eMzantsi Afrika. Zonke iindlela ziya kwiphondo laseMpumalanga – apho kuzaw’ dibana oomakad’ ezondana, AmaBhokobhoko neNew Zealand, emalanga eMbombela Stadium. Ngekuba uMzantsi Afrika udibana neNew Zealand ngexesha elihle ingaqhubi kakuhle – kodwa uSiya Kolisi noMzwandile Stick bathi akufuneki idelelwe ngoba iselelona lizwe eliphambili emdlalweni wombhoxo kwihlabathi lonke. UMzantsi Afrika uya emdlalweni wangomso unamandla emva kokuzibethela iWales emidlalweni yovavanyo ebilapha eMzantsi Afrika kwinyanga ephelileyo. “Yimidlalo emikhulu kakhulu le esijongene nayo,” kutsho uStick ethetha neentatheli.

Emidlalweni yovavanyo engaphaya kwekhulu, iNew Zealand yeyona ethande ukuphokela ngokwenani leempumelelo. Ngomso AmaBhokobhoko aza kufuna ukuyibetha iNew Zealand nakanjani. “Lelinye lamazwe amakhulu embhoxweni iNew Zealand. Into ekufanele siyenze kukwenza umsebenzi wethu kakuhle. “Elona qela elisebenze kakuhle emizuzwini engamashumi asibhozo, lelona eliza kunqoba. Ukuba awuyigadi iNew Zealand, ngophanyazo ingalala emgceni ngokukhawuleza. Siyayazi into essiyilindeleyo kwiNew Zealand kwaye siyihloniphile,” utshilo uStick. Naye uKolisi waleke ngelithi iingqondo zabo (bengabadlali) bazimilisele emdlalweni wangomso.

“Sisengabantwana, sasineminqweno yemidlalo emikhulu njengalo. Bonke abadlali bebenokuvuya ukuba bebenokudlala emdlalweni wangomso. Ayilofokofoko iNew Zealand, kufuneka usebenze kude kuphele umdlalo ukuze uyoyise. Kufuneka sidlale ngendlela esizilungiselele ngayo nokuba kwenzeka ntoni emdlalweni,” utshilo uKolisi obuyela eNelspruit – apho wadlala khona umdlalo wakhe wokuqala kwiSpringbok. “Ndaqal ukudlalela iqela lesizwe apha eNelspruit. Le yindawo ekhethekileyo kakhulu kum le. Ndiyathemba ndakudlala kakuhle. Ndiyavumelana noStick, awukho umdlalo wovavanyo ongaphezulu kwalo,” utshilo uKolisi.