Kudibana oomakad’ ezondana emdlalweni weRugby Championship

ULukhanyo Am noMakazole Mapimpi emdlaleni weRugby Championship kunyaka ophelileyo. Umfanekiso; EPA/MATT TURNER

AmaBhokobhoko aza kufumana uvavanyo olusemgangathweni ophezulu xa edibana neNew Zealand emdlalweni weCastle Lager Rugby Championship obekelwe intsimbi yethoba ngentsasa yangoMgqibelo kwibala ekuthiwa yiMount Smart Stadium, eAuckland. Kudibana oomakadezondana embhoxweni emdlalweni ekulindeleke utsale nomdla wehlabathi njengokuba amazwe amaninzi elungiselela itumente yehlabathi eza kudlalelwa eFrance. Umqeqeshi weSpringbok, uJacques Nienaber, uchonge iqela elinabadlali abanamava futhi elahlukileyo kwelibethe iAustralia ngo’43-12 emdlalweni obusePitoli kwimpelaveki egqithileyo. Yimbinana yabadlali abafana noLukhanyo Am noWillie le Roux abaza kudlala ngoMgqibelo abebedlalile kwiveki ephelileyo.

Nangona uNienaber ezama ukuqinisa amalungiselelo weqela lakhe phambi kwetumente yehlabathi – kodwa kona ukubetha iqela elinamandla njengeNew Zealand, kungathumela umyalezo ongqongqo kwizizwe zehlabathi eziza kudibana eFrance. Phambi komdlalo wokuqala weRugby Championship, uNienaber ulahlule kubini iqela ngoba engqondweni yakhe uzama nokuchonga abadlali abaza kuzama ukukhusela indebe yehlabathi uMzantsi Afrika owayiphumelela eJapan ekupheleni konyaka ka2019. ‘Sizamile ukuxuba abadlali abaqhube kakuhle emdlalweni ogqithileyo ePitoli nabo bebefike kwangoko eNew Zealand. Andizukwazi ukungena nzulu kwindlela abadlale ngayo – kodwa endingakuthetha kukuba besibaxelele abadlali bethu ukuba ngoobani abaza kudlala ne’Australia, ingoobani abaza kudlala neNew Zealand.

‘Abadlali abafike kuqala eNew Zealand baqale ngokunceda abebedlala ePitoli. Ngoku kufuneka abasuka ePitoli bancede abaza kudlala neNew Zealand,’ utshilo uNienaber. Zimbini izinto ezifunwa nguNienaber, kukulungiselela itumente yehlabathi nokuphumelela indebe yeRugby Championship. ‘Sizimisele ukudlala kakuhle ukuze siphumelele indebe. Kodwa kwelinye icala, silungiselela itumente yehlabathi. Asinalo iqela elincinci nelidala. Sibahlule abadlali bangamaqela amabini kuba sibone kufanelekile,’ utshilo umqeqeshi kule veki emva kokubhengeza abadlali abaza kuqubisana neNew Zealand ngempelaveki. AmaBhokobhoko aza kudlalela umdlalo wokugqibela ekhaya ngoba iRugby Championship yalo nyaka ayolulwanga njengesiqhelo ngenxa yemidlalo yendebe yehlabathi eza kuqala kungekudala eFrance.