Kudibana oomakad’ ezondana eNelson Mandela Stadium

Amakhosi amkela iBaroka FC esokolisayo kumdlalo weNedbank Cup ekulindeleke utshise ngo’20:15 eNelson Mandela Bay Stadium ngoMgqibelo. IBaroka yazenzela igama ebholeni ngokubetha iKaizer Chiefs kwiminyaka yakudala.

Nakulo umdlalo kulindeleke kuliwe kube mdaka iisali. Kuza kophuka izikeyi emdlalweni ngoba iChiefs inyanzelekile iyiphumelele iNedbank ukuze baxole abalandeli bayo.

Aba makad’ezondaba badibana eNelson Mandela Bay Stadium ngeCawe, baqeqeshwa nguSteve Komphela noMacDonald Makhubedu abakhe batsarhana ngamazwi kunyaka ophelileyo kwakwiNedbank Cup.

Njengokuba amathemba weChiefs okuphumelela indebe yePremier Soccer League ethande ukuncipha emva – ngoku ithemba layo lokuphumelela indebe lilele apha kwiNedbank.

Nakubeni izinto zingawahambeli kakuhle Amakhosi – kodwa ifolosi yawo uRyan Moon isenethemba lokuba isizini iyakuphela kukho indebe eNaturena.

“Kunzima ukudlalela iChiefs ngoba bonke abantu balindele iindebe kuyo. Akukho nto ilula kuthi – kodwa sizimisele ukwenza izinto ngendlela yethu. Kunyanzelekile kubekho indebe esiyiphumelelayo kule sizini. Kusekho iNedbank Cup nendebe yePSL; ugqatso lusaqhuba – ngeke sinikezele. Kufuneka sisebenze ngokuzithemba futhi simthembe nomqeqeshi wethu,” utshilo uMoon kutshanje.

UDoctor Khumalo anganalo ifuthe elikhulu kakhulu kulo mdlalo nakubeni engenguye umqeqeshi.

Njengomntu oyazi ukusuka nokuhlala kwayo iChiefs, uDoctor uza kuyinika amacebo iBaroka okuyoyisa iChiefs kumdlalo wempelaveki ngoba ifuna ukuya phambili kwiNedbank.

Umqeqeshi obambeleyo, uMcDonald Makhubedu, uvumile kutshanje okokuba ngokwenene ukuqubisana neChiefs ngumsebenzi onzima – kodwa watsho esithi bazimisele ukudlulela phambili kwiNedbank.

Abalandeli bayakuyishiya iNelson Mandela Bay Stadium bencumile ngoba omabini la maqela anabadlali anobuchule bokudlala ibhola, nabayibeka phantsi baye phambili besebenzisa amendu.