Kudibana oomakad’ ezondana eSoweto!

Awona maqela alandelwa kakhulu kwibhola yoMzantsi Afrika, i-Orlando Pirates neKaizer Chiefs, azakuvana amandla kumdlalo we-Absa Premier Soccer league ojongwe ngamehlw’ abomvu zizigidi zabalandeli bebhola kuMazantsi weAfrika.

Lo mdlalo uzakudlalelwa eFNB Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo. Lo ngomnye waloo midlalo eyahlula phakathi iitshomi, imizi nabantu nje ngokubanzi ngenxa yokhuphiswano oluphakathi kwala maqela.

AmaBhakaniya azakwamkela Amakhosi esitsha ziintambo emva kokuphumelela umdlalo wawo ngempelaveki edlulileyo ebetha iPlatinum Stars ngo’2-1 kwiTelkom Knockout. Umdlalo ogqithileyo uncede kakhulu umqeqeshi we-Orlando Pirates, uMuhsin Ertugral, ukuze abone apho anokulungisa khona.

Kulo mdlalo akukho qela lifuna ukubethwa, yiyo lo nto iqela ngalinye kunyanzelekile ukuba liye kuwo liqule laligangatha. Nangona iPirates iphumelele kwiveki ephelileyo – kodwa * -Ertugral akonelisekanga ngumgangatho ekuwo. Kulo umdlalo umsebenzi wabaqeqeshi ulula kakhulu ngoba akukho mdlali ungafuniyo ukuwudlala.

Kungokunje iPirates ihleli kwindawo yesithathu kwiPSL – kulo mdlalo izakufuna uqokelela amanqaku apheleleyo ukuze inyukele phezulu. Kwelinye icala iChiefs, ehleli phezulu kwiPSL, iya kulo mdlalo ifuna ukuqinisa indawo yayo kwiPSL emva kokuqala kakubi le sizini ka’2016/17.

Amakhwenkwe kaSteve Komphela adlale umdlalo ongaxolisiyo ngethuba edlala neMaritzburg United kumdlalo weTelkom Knockout ngoMgqibelo odlulileyo eFNB Stadium – kodwa ngaphandle kwamathandabuzo izinto zizakutshintsha kulo umdlalo. Akukho mdlali ungafuni kuziqaqambisa kwimidlalo kwimidlalo emikhulu njengalo uphakathi kweChiefs nePirates.

AmaBhakaniya azakuthembela kubadlali abafana noBrighton Mhlongo, Thabo Matlaba, Oupa Manyisa, Mpho Makola noTendai Ndoro phaya phambili othanda ukukhathaza xa edlala neChiefs. Wona Amakhosi kulindeleke atyhale ngo-Itumeleng Khune, Eric Mathoho, Willard Katsande, George Lebese noSiphiwe Tshabalala. Kufanele iPirates ibuyise izitya emva kokubethwa yiChiefs kumdlalo weCarling Black Label kwiinyanga ezidlulileyo.