Kudibana oomakad’ezondaba kwiCAF Champions League!

UTaher Mohamed we-Al Ahl no-Andile Jali weMamelodi Sundowns emdlalweni weCAF Champions League obuseLucas Moripe Stadium kunyaka ophelileyo. Umfanekiso: BackpagePix

Amaqela aphambili ebhola ekhatywayo eMzantsi Afrika alungiselela ukuya emfazweni kwakhona ngempelaveki. Amazulu abethe iHoroya ngo’1-0 aza kuphinda nayo, i-Orlando Pirates ebethwe yi-Al-Itthihad ngo’3-2 idlala nayo kwakhona emdlalweni weCAF Confederations Cup, eMbombela Stadium. Nangona loo midlalo ibalulekile – kodwa abalandeli bebhola baza kuthi ntsho amehlo wabo emdlalweni weCAF Champions ophakathi kwe-Al Ahly neMamelodi Sundowns ebaleni ekuthiwa yiCairo International Stadium ebusuku ngoMgqibelo. Ngumdlalo oza kutaka iintantsi ngaphandle kwamathandabuzo ngoba uPitso Mosimane ngeke afune ukubethwa liqela ebeliqeqesha.

Kanti nayo iSundowns ayifuna ukubethwa okwesibini yiAl Ahly ephumelele apha eMzantsi Afrika kunyaka ophelileyo. Emva kokubambana ngeqanda ne-Al Merreikh yaseSudan, iAl Ahly ifuna impumelelo ngoba injongo yayo kukuyikhusela indebe yeChampions League. Kwelinye icala, uRulani Mokwena ubetha ngenqindi phantsi ngelithi aliphandlwa kabini. Amasandawana ahleli kwaFaro emva kokubetha iAl Hilal ngo’1-0 kwiveki ephelileyo kuba ebefuna ukulungiselela ukudibana ne-Al Ahly. “Siyazi ukuba sithelekiswe namaqela alushuca. Asifuna ukwenza impazamo ngokuthi sibeke iliso lethu kakhulu kwiAl Ahly. Ukuze uye kumjikelo olandelayo, kufuneka uqokelele ishumi elinambini alamanqaku,” utshilo uMokwena.

“Sidlalela ukuphumelela yonke imidlalo ngoba injongo yethu kukuya kwisigaba esilandelayo sokhuphiswano. Sifuna lo nto, hayi ukubetha iAl Ahly nje kuphela. Kubalulekile ukuphucula indlela esidlala ngayo nokuba sidlala imidlalo yeDStv Premiership okanye eyeChampions League. Asikwazi tu ukuyekelela umxakatho ngoba iinjongo zeli qela zinkulu kakhulu,” utshilo uMokwena ongafuniyo ukutywatyushwa nguPitso ofuna ukuvala umlomo abalandeli beSundowns abathuka ngonina efike ne-Al Ahly kunyaka ophelileyo.