Kudibana oomakad’ezondana emdlalweni weNdebe yeHlabathi!

Liza kuma ngxi ihlabathi xa kudibana oomakadezondana emdlalweni wokugqibela wetumente yehlabathi. Oku kuza kwenzeka xa AmaBhokobhoko ethathana neNew Zealand emdlalweni ozakube useStade de France Stadium, eParis, ngentsimbi yethoba ebusuku ngoMgqibelo.

Kudibana amazwe aphambili embhoxweni wehlabathi – kodwa eyona nto yahlukileyo emdlalweni wangempelaveki kukuba alwela ukuphumelela iNdebe yeHlabathi. Omabini amaqela ayiphumelele kathathu, ngoku alwela ukuyithatha okwesine. UMzantsi Afrika ufuna ukuyikhusela indebe owayiphumelela eJapan ngonyaka ka2019.

Abalandeli beSpringbok banexhala emva kokuba singadlalanga kakuhle emidlalweni edlulileyo. Kwimpelaveki egqithileyo, uMzantsi Afrika uvuke emzuzwini wokugqibela wayibetha ngo’16-15 iNgilane ebiphethe umdlalo.

Nangona iNew Zealand iqhube kakuhle kwitumente yehlabathi eseFrance – kodwa yazi kakuhle ukuba akululanga ukubetha uMzantsi Afrika. Isekelamqeqeshi kwiSpringbok, uDeon Davids, uthi umdlalo wangempelaveki uza kwahluka kweminye emva kokuba AmaBhokobhoko ephumelele ngongciphungciphu.

Amadoda afana noHandre Pollard no-Ox Nche ancede uMzantsi Afrika kodlulileyo umdlalo kufuneka emdlalweni ogqithileyo mhlawumbi angawuqala umdlalo wokugqibela. “Silindele iveki yolonwabo ngoba sidibana neNew Zealand esinembali nayo.

Sesidlale nayo izihlandlo eziliqela – kodwa kwitumente yehlabathi, konke okudlulileyo akuthethi. Kule veki siza kwenza izinto ngendlela,” utshilo uDavids. UMzantsi Afrika waphumelela iNdebe yeHlabathi okokuqala ngokubetha iNew Zealand emdlalweni owawubanjelwe e-Ellis Park Stadium, eGoli, ngo1995 emva kokufika kwenkululeko.

Nakubeni abantu beyoyika iNew Zealand edlala kakuhle – kodwa zimbini izinto ezingabalulwa ngoMzantsi Afrika: awuncami futhi uyakwazi ukuphumelela umdlalo usengxakini. UDavids uvumile ukuba amaqela anezinto agqwese ngazo ezibufana – kodwa wakubethelela ukudlala kakuhle nokusetyenziswa kwamathuba.

“Iza kuba yimfazwe ebaleni futhi iqela ngalinye liza kulwela ukoyisa elinye ngomdlalo. Okwethu kukudlala kakuhle sisebenzise namathuba,” utshilo uDavids ekuqaleni kweveki. Kulindeleke ukuba uMongameli uCyril Ramaphosa antingele eFrance – apho aza kudibana naMabhokobhoko phambi komdlalo ngoMgqibelo.