Kudibana oomakadezondana kwidabi lobukhaya eSoweto!

Nangona umdlalo ungempelaveki – kodwa sekuntsuku abalandeli bexhokonxana ngokuza kwenzeka xa kudibana amaqela wabo. Oku kwenzeka ngoba kudibana i’Orlando Pirates neKaizer Chiefs emdlalweni weBetway Premiership ekulindeleke utshise uthi bhe eFNB Stadium emalanga ngoMgqibelo.

Ngumdlalo lo obahlula phakathi abantu baseMzantsi Afrika, kufanelekile ngoba kudibana oomakadezondana abalandelwa kakhulu ngabantu baseMzantsi Afrika. Abanye abantu baza kube bexhasa iChiefs, abanye iPirates – kanti kukho nabo baza kukhwela ecingweni bathi: thina sakutya efileyo.

Zonke zamkelekile ezi zinto ngoba zizo ezibangela kubekho ingxoxo ethi ityhale abadlale badlale ngokuzimisela ebaleni. Kuyiwa emdlalweni wangempelaveki iPirates inamandla emva kokubetha iRichards Bay ngo’3-1 emdlalweni weNedbank Cup. Kodwa okuyikhuthaza kakhulu kukuba iphikisana neMamelodi Sundowns kwindawo yokuqala kule sizini.

Ethetha namajelo eendaba izolo, uMandla Ncikazi uthe iPirates iza kulwela ukufumana amanqaku apheleleyo kowona mdlalo omkhulu ebholeni ekhatywayo eMzantsi Afrika. “Thina apha kwiPirates, sizilungiselele ngokupheleleyo. Sizimisele ukudlala kakuhle ukuze siphumelele umdlalo njengesiqhelo. Iziphumo zemidlalo enje ngalo azinafuthe lembali.

“Into endingayibalula kukuba sesidlale imidlalo emininzi kuneqela esiza kudlala nalo. Kodwa ndiyathemba lo nto ayizukubanalo ichaphaza emdlalweni ozayo,” utshilo uNcikazi, owongeze ngelithi iBucs iza kuqinisa kwizinto ezenza kakuhle emdlalweni.

Kanti Amakhosi asedikidiki nangona isizini iphakathi anethemba lokumelana nePirates emva kokuphumelela imidlalo emibini ilandelela. Abethe iFree Agents FC ngo’4-0, kanti phambi koko abethe iSekhukhune United emdlalweni weBetway Premiership.

Omnye wabaqeqeshi beChiefs, uKhalil Ben Youssef, uthe amaqela omabini aya emdlalweni enamathuba alinganayo okuphumelela. “Sinendlela yethu esenza ngayo, nabo baneyabo. Ukuba siyaphumelela, sakubona kwiveki ezayo emdlalweni,” utshilo uBen Youssef emva komdlalo ogqithileyo.