Kudlalwa egameni likaMntonga eMdantsane

Iinkokeli zebhola ekhatywayo kwenye yeelokishi ezinkulu eMzantsi Afrika, uMdantsane, zibuthelene kwiholo loluntu kwaNU-12 ngoLwesihlanu ogqithileyo – apho bezikhahlela kuMnumzana * -Eric Mntonga ngomzila awawushiya emidlalweni eMdantsane ngeminyaka yengcinezelo.

Lo msitho wokukhunjulwa kukaMntonga ubuzinyaswe zindumasi nezikhakhamela zebhola ekhatywayo ukusuka kwiinkokeli zasekuhlaleni, ezoshishino neze SAFA kuzwelonke.

Abantu abathe bazimasa lo msebenzi baquka indoda eyaziwa kakhulu ebholeni ekhatywayo eMzantsi Afrika, uZola “Wajima” Dunywa, owayengumphathi weqela lesizwe kwiminyaka edlulileyo, uZola Nogaya wakwaCaltex, uZandisile Makina noceba uSakhi Caga.

UMntonga uchazwe njengendoda eyayizilahlele nofele kuphuhliso lwemidlalo eMdantsane ngezontsuku zokuchwethelwa kwabantu abamnyama ngurhulumente wocalucalulo.

Kodwa nangona kwakunzima, kuthiwa le ndedeba yakwaMntonga yazama ukubadibanisa abantu abamnyama ngemidlalo. UDunywa uchaze lo kaMntonga njengenkokeli eyayisebenzela uluntu ngaphandle kokujonga isikhundla. Ngokokutsho kukaDunywa, eyona nto eyayibalulekile kuMntonga yayiku kubambisana kwabantu ngakumbi ababandakanyeka kwezemidlalo.

Eyona njongo yalo msitho, obuququzelelwe yiMdantsane Local Footbal Association, ibikukuphehlelela itumente yebhola ekhatywayo ebizwa ngokuba yiCaltex Mntonga Top 8 Tournament ezakudlalwa egameni leli gqala lomzabalazo.

Kule tumente ixhaswa nguCaltex kuzakuthi kukhuphisane kuyo amaqela aphambili ebhola ekhatywayo aseMdantsane.

Isiqendu sokuqala sale tumente sizakudlalwa kulo nyaka – kodwa yinto ezakubakho unyaka nonyaka egameni likaMntonga.