UNasreddine Nabi, onethuba elide eyipheka imbiza yakhe uza kuvavanywa kule veki xa iKaizer Chiefs idibana namaqela ayisokolisayo. Amakhosi andwendwele AmaZulu abethe ngenqindi phantsi ngelithi ngeke avume ukubethwa yiChiefs emdlalweni esishicilele sowudlaliwe.
Onke amahlo abalandeli aza kuthi ntsho emdlalweni weBetway Premiership oza kube uphakathi kweChiefs neMamelodi Sundowns ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo. Kulindeleke ukuba kudlane eFNB Stadium.
Ukuba ebezikhethela, uNabi ebengene avume ukudibana neSundowns isizini isekuqaleni ngoba usazama ukuvuselela iChiefs. Ngumdlalo uManqoba Mngqithi afuna ukuwuphumelela ukuze avale umlomo abathandabuza isakhono sakhe sokuqeqesha aphinde athumele umyalezo kwamanye amaqela othi: iSundowns iseziinkunzi ebholeni ekhatywayo yaseMzantsi Afrika.
Ukuba uNabi angabetha iSundowns, lo nto ingenza imahluko omkhulu futhi ingabanika amandla abadlali. Omabini amaqela aya emdlalweni ekhuthazekile ngoba ayiphumelele imidlalo yokuqala yeBetway Premiership. Amakhosi abethe iMarumo Gallants ngo’2-1 emdlalweni obuseBloemfotein kwiiveki ezigqithileyo. UNabi wazamkela ngovuyo iziphumo zomdlalo – kodwa watsho ukuba zikhona izinto ezifuna ukulungiswa.
Ithuba lokulungisa izinto ulifumene kwiveki ephelileyo. IDowns, eyahlaza iChiefs ngo’5-0 emdlalweni wesizini edlulileyo, iza kumcacisa ukuba ungumqeqeshi onjani uNabi. Njengokuba iSundowns ivuthulule iMbabane Swallows kwiveki ephelileyo emdlalweni weCAF Champions League, ngoku kulindeleke ukuba izame ukuqokelela amanqaku kusakhanya nakwiBetway.
Amakhosi aza kubeka uthemba lawo kuGaston Sirino odlale kakuhle emdlalweni ogqithileyo. USirino uza kuyenza ixhala iSundowns ngoba uyingozi futhi uyayazi indlela edlala ngayo ngoba usuka kuyo. Amasandawana aza kubeka ithemba lawo kuLucas Ribeiro oyingozi kakhulu phambi kweepali. Umdlalo uza kutaka iintlantsi ngoba omabini afuna impumelelo.
Ubomi ejele kutata owadlwengula unyana wakhe ona-8