Mihlanu qha imidlalo eshiyekileyo kumaqela amabini ahleli phezulu kwi-ABC Motsepe League kwiphondo leMpuma Koloni.
Kule isizini yi-EC Bees ehleli kwindawo yokuqala emva kokuqokelela amanqaku angamashumi amahlanu anethoba, ilandelwa liqela elifuthela emagxeni kakubi, iFuture Tigers, enamashumi amahlanu anesibhozo amanqaku.
Ewe, amaqela afana neLion City FC, uMthatha City neTornado FC – asenalo ithuba lokunyukela phezulu kwiMotsepe League yeli phondo – kodwa ambalwa amathuba okubamba indebe yeMotsepe League ngokuba oko ukuze kwenzeke, kufuneka amaqela aphezulu amabini aphulukane nayo yonke imidlalo yawo eshiyekileyo.
Amfiliba amathuba okuba kwenzeke into enjalo. NgoLwesihlanu kunyanzelekile i-EC Bees iphumelele xa idlala neHighbury FC kumdlalo ozakube useBhisho Stadium ngo’18:00. Yimpumelelo kuphela eyakwenza iBees ibambelele kwindawo yokuqala.
Kanti kwelinye icala, yona iFuture Tiger ekubonakala ukuba ifuna indlela yokunyukela kwinqanaba elingasentla kwisizini ezayo, izakudlala neSwartkops Valley United Brothers ngo’18:00 eN.U.2 eMotherwell Stadium kwangoLwesihlanu.
Noxa kulindeleke ukuba iTigers iwafumane onke amanqaku kulo mdlalo – kodwa kufuneka ilumke ngoba iSwartkops ikhangela iphica igqirha lokusinda ezembeni njengokuba kusondela ixesha lokusongwa kwesizini.
Lo umdlalo uzakutshisa ngoba kuwo omabini kubalulekile ukuqokelela amanqaku ekupheleni kwemini. NgoMgqibelo emva kwemini, iTornado FC yamkela uMthatha City kumdlalo ozakube useJan Smuts Stadium ngeyesithathu.
Omabini la maqela ayalandelelana – kwaye ancwase ukuvala isizini esendaweni engcono.
Omnye umdlalo kweli bala uzakube uphakathi kwamaqela asokolayo kwaye asecicini lokuthotyiselwa, lo maqela yiZimbane Killers neMorning Stars.
Imidlalo ye-ABC Motsepe League:
Zimbane Killers vs Morning Stars @Jan Smuts 15:00; EC Bees vs Highbury FC @Bhisho Stadium 18:00; Walter Sisulu University vs FC Buffalo @Bika Campus 15:00; Matatiele Professionals vs Young Ideas FC @Matatile Stadium 15:00; Callies FC vs Matta Milan @Gelvandale Stadium 15:00; Swartkops Valley vs Future Tigers @N.U.2 Stadium 18:00; Tornado FC vs Mthatha City @Jan Smats Stadium 15:00; Lion City vs City Lads FC @Motherwell Stadium 15:00
Ayivule ngendlela encumisayo Amakhosi isizini yeBetway Premiership!