Kufike ixesha lokukhula kuDoctor Khumalo

UDoctor Khumalo ngethuba esasebenza kwiKaizer Chiefs umfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Kwiveki ephelileyo kuvakele iindaba ezithi uDoctor Khumalo uyinikela umva iKaizer Chiefs. Ezi ndaba zamkelwe ngeendlela ezahlukeneyo ngabalandeli bebhola – ingakumbi abalandeli beChiefs.

UKhumalo, 50, uye kwiBaroka FC phambi kwesizini entsha emva kokusebenzela iChiefs iminyaka engaphezulu kwamashumi amathathu.

UDoctor ‘16V’ Khumalo wafika kwiChiefs ekupheleni koo-1980 esemncinci, wakhulela kuyo, wayikhokela njengokapteni wagqibela ngokuba lisekela-mqeqeshi. Emva kokuncedisa abaqeqeshi abafana noVladimir Vemerzovic, uStuart Baxter kwiChiefs – eli lixesha lokuba uKhumalo akhule njengomqeqeshi.

Bekungekho thuba licacileyo lokukhula kwiChiefs ngoba yile isoloko ikhangela abaqeqeshi abanamava.

Ukuya kwiBaroka FC engekazinzi kwaPSL kwenza ixhala – kodwa yeyona ndawo anokuthi atyale kuyo ulwazi, kukwalapho anokwenza khona umahluko ocacileyo.

Kulo nyaka uKhumalo ufince amashumi amahlanu eminyaka, lo nto ithetha ukuthi bekufanele ukuba kudala esebenza njengomqeqeshi ozimeleyo xa ethelekiswa namadoda afana noDan Malesela, uSteve Komphela, * -Eric Tinkler, uClinton Larsen noBenni McCarthy abangabaqeqeshi kwinqanaba eliphezulu.

NgoLwesine weveki ephelileyo, uKhuma waqeshwa njengomqeqeshi owongameleyo kwicandelo lezebhola kwiBaroka. Esi sisikhundla esingaphezulu kwesokuqeqesha futhi sesona sinika iqela umkhomba-ndlela.

“UKaizer Motaung ukusikelele ukuhamba kwam kwaye ndivuya kakhulu. Andifuni ke abantu bathethe izinto ezingekhoyo – akukho nto yenzekileyo phakathi kwam neChiefs,” utshilo uKhumalo.

Le ndedeba iyibethelele ke into ethi ayiyi kwiBaroka kuba ifuna ukungena endaweni kaKgoloko Thobejane. Eli lithuba lokuzibonakalisa kuKhumalo.

“UDoctor weza kum ezokuthetha ngekamva lakhe neminqweno anayo. Saxoxa ke ngalo nto; savumelana ngokumkhulula ukuze kube kokufezekiswa kweminqweno yakhe. Sizimisele ukumamkela kwakhona ukuba izinto azimhambeli kakuhle,” watsho uMotaung.