Kufuneka enze ngcono Amabhoko-bhoko

Usekela mqeqeshi wamaBhokobhoko, uJohann van Graan, uthi eliqela kufuneka lizame ukuziqhelanisa neemeko zaseSalta.

Iqela loMzantsi Afrika liya komdlalo wesibini ne-Argentina ngoMgqibelo, umoya uphezulu emva kokuphumelela ngo’30-23 kwiveki ephelileyo kumdlalo obuse Mbombela Stadium.

Nangona uMzantsi Afrika uzuze impumelelo, indlela obudlala ngayo ayibaxolisanga abalandeli, umqeqeshi weli qela uAllister Coetzee uzivumile iimpazamo zeqela lakhe kwiveki ephelileyo.

UVan Graan uthi kukho umahluko phakathi kweNelspruit nendawo iiBoks ezizakudlala kuyo ngempelaveki. “Iimeko zahlukile, abalandeli be-Argentina bazakuwenza nzima umsebenzi wethu ngenxa yobuncinci bebala.

Umqeqeshi weePumas (Argentina) wathi abadlali bakhe bazimisele ukuzilungisa iimpazamo kulo mdlalo wempelaveki ngoba.

Iqela lakhe labethwa kwimizuzu yokugqibela ngaMabhokobhoko ngenxa yeempazamo ezincinci.